CHASING THE SUN 2: Umdlalo obhenca okuncede iSpringbok ngo2023!

Unyaka ka2023 soze ulityalwe ngabalandeli bombhoxo eMzantsi Afrika nakwihlabathi jikelele. Abanye abantu bangayikhaba loo ngcamango ngelithi okwenziwa nguMzantsi Afrika ngonyaka ka2019 kwitumente yehlabathi sesona siganeko esikhulu.

Into ebangena unyaka ophelileyo uthi tha kwiqela lesizwe lombhoxo kukuba liye kwitumente yehlabathi ebibanjelwe eFrance liphantsi koxinizelelo, ngaphezulu koko bekungekho mntu oqinisekileyo ukuba liza kuyikhusela indebe elayiphumelela eJapan ekupheleni kuka2019.

AmaBhokobhoko aye eFrance eziintshatsheli – kodwa ehleli kwindawo yesibini kumanqwanqwa ehlabathi emva kwe-Ireland ebibonwa njengelona lizwe elaliza kuba ngumqobo omkhulu endleleni eya empumelelweni yeSpringboks.

Noxa iAustralia iye yabuthwa kukuhlwa kwitumente egqithileyo – kodwa ingozi ebikhona yiNew Zealand. UJacques Nienaber, encediswa nguRassie Erasmus, bazamile ukwakha iqela ebeliza kumelana noomanqanqa behlabathi embhoxweni – kodwa bavelelwa yingxaki yokonzakala kwabadlali abaphambili ngexesha elibi.

USiya Kolisi waye wonzakala kushiyeke iinyanga ezimbalwa kufike itumente yehlabathi. Ngelo xesha uKolisi ebebaluleke kakhulu kwiSpringboks ngoba ebengumdlali ozimiseleyo futhi onika iqela lesizwe iwonga ngoba ebenguKapteni wokuqala omnyama ophakamise iNdebe yeHlabathi ngo2019. Ebesisixhobo uSiya ngoba nguye obekwazi ukudala umanyano phakathi kweentlanga zaseMzantsi Afrika. Ukuphila kwakhe kwakubalulekile kakhulu kwiqela lesizwe.

Nangona waye waphila, kwaye konzakala abanye abadlali abafana noLukhanyo Am, Andre Pollard nabanye – kodwa abaqeqeshi baya eFrance bezithembile. Umanyano phakathi kwabadlali yeyona nto AmaBhokobhoko aye aqina ngayo endleleni eya eFrance.

Amaqela ehlabathi ayenethemba lokuwisa uMzantsi Afrika obuziintshatsheli ngoba ayifunda indlela odlala ngayo ngo2023. Ewe, uMzantsi Afrika ubuyincwadi evulekile – kodwa uDu Plessis weza nenkuthazo ethi ‘Masiyeni emfazweni, le siyaziyo ngathi bona abayazi’ eyaxhoxonkxa abadlali ngendlela emangalisayo.

Ebunzimeni iSpringboks sadlula kumazwe afana neScotland, iFrance, Ireland neNew Zealand saphumelela iNdebe yeHlabathi ityeli lesine. Umdlalo odidiyelwe nguSuperSport othi: Chasing the Sun 2, uveza okwenzeke enkampini yeSpringboks ngeemini zemidlalo ngethuba kudlalwa iNdebe yeHlabathi.

Ngumdlalo onamandla futhi oza kubondla ababukeli bawo ngenkuthazo nobulumko obusuka ngqo kumaqhawe oMzantsi Afrika abhale iincwadi zembali ngokutsha amatyeli amabini elandelelana embhoxweni wehlabathi. Umdlalo udlalwa rhoqo ngeCawe ngentsimbi yesibhozo ebusuku.