Injineli ngumnikazi wegaraji

UThandi MaThabethe Ngxongo.

UThandi MaThabethe Ngxongo wafundela ubunjineli waza wasebenza njengenjineli iminyaka elishumi elinesithandathu kwinkampani yamafutha athe waba ngumnini weshishini legaraji phantsi kwayo.

“Kwakukudala ndikhangela indlela necebo lokuba ndiqalise ukwenza igaraji yam yokuthengisa amafutha phantsi kwale nkampani, ngoko ke lizalisekile iphupha lam,” kutsho uNgxongo.

UNgxongo lukhuthazo olufunekayo kuninzi lwabemi boMzantsi Afrika abathe baphelelwa lithemba ngenxa yokunqongophala kwamathuba engqesho. Iingcali zezimali kweli zithi akunakuze kubekho mathuba emisebenzi kweli ngaphandle kokuba kuqalise iinzame zokukhulisa iqondo lezimali kweli.

Ukuzenzela amathuba emisebenzi lelona thuba lihle lokuba umntu ongaqashwanga akwazi ukuziphilisa logama ekwazi ukudala amathuba nakoontanga bakhe.

Umhlalutyi wezopolitiko kweli uDirk Kotze uthi kumele ukuba urhulumente weli enze amaqhinga okukhulisa imeko yezoqoqosho ukuze kuvele amathuba emisebenzi.

“Ingxaki yokuphela kwamathuba engqesho yingxaki yehlabathi ngoku banzi, kodwa ke amazwe ehlabathi azama ukwenza amacebo okukhulisa imeko yoqoqosho ukuze ijike le meko,” kutsho uKotze.

UThandi MaThabathe Ngxongo uqokelele amava afanelekileyo ukuze akwazi ukuqala ishishini lakhe lokuba ngumnikazi wegaraji.