‘Uzakuba nguMongameli uJacob Zuma’

Osisithethi seMK Party uNhlamulo Ndhlela uthi ngaphandle kwamathandabuzo owayesakuba nguMongameli kweli uJacob Zuma uzakuba nguMongameli emva konyulo oluzayo kweli.

Ukuthethe oku emva kokuba iNkundla ePhakamileyo ikhuphe ingxelo yokuba izakufakwa kuluhlu lwabo baza kuvotela igama likaJacob Zuma.

Igama likaZuma lifakwe ngokusesikweni liqela lakhe iMK Party kuluhlu lwabo baza kuvotelwa. “Ngaphandle kwamathandabuzo uzakuba nguMongameli weli uJacob Zuma emva konyulo oluzayo,” kutsho uNdhlela.

Emva koko, inkundla yolonyulo yakhupha ingxelo yokuba igama likaZuma liphakathi kwamagama athe afumana izikhalazo zokuba makakhutshwe kuluhlu lwabo baza kuvotelwa..

Umakhwekhwetha wegqwetha uDali Mpofu nguye ebemele umbutho kaJacob Zuma iMK Party ezama konke ukuba igama likaZuma libuyele kuluhlu lwabagqatswa.

“Abantu beli ngabo abacele uMongameli Jacob Zuma ukuba abuyele njengoMongameli, ngoko ke asithandabuzi ukuba uzakubuyela njengoMongameli welizwe loMzantsi Afrika,” kucacisa uNdhlela.

Ayatshona amalanga kwimibutho kwakunye neenkokheli zemibutho yezopolitiko enqwenela ukuvotelwa kunyulo oluzayo.

“Siyavuya kakhulu sisigqibo senkundla sokubekela bucala isigqibo seKomishoni yoNyulo sokukhupha igama likaZuma, siyavuya kwaye sibulela inkxaso yoluntu.,” ucacise watsho uNdhlela.

Ukuzalwa kombutho weMK Party kubangele ukuxuxuzela kwamathumbu kumbutho weANC ngenxa yokuba lo mbutho urhutya amalungu kwiANC.

Abahlalutyi bezopolitiko kweli bayangqinelana kwelokuba amalungu ajoyine umbutho weMK Party asuka kumbutho weANC.

“Sijikeleze kwiiKumkani, iiNkosi noluntu loMzantsi Afrika ngokubanzi, kwaye wonke umntu esithethe naye uqinisekisa inkxaso engagungqiyo kumbutho weMK Party, kungoko sisitsho ukuba uZuma uzakuba nguMongameli olandelayo,” uhambisa atsho uNdhlela.

Umbutho weMK ubonakala kumaphondo onke eli, kodwa uqine ngamandla kumaphondo aquka iRhawuti, Mpumalanga, Mntla Ntshona kwakunye neKZN.

“Ngexesha ebephethe njengoMongameli akuzange kucime mbane, imeko yentlalo yeli ibiphucukile ikumgangatho obhetele kakhulu kunokuba siwubona, abantu bayahlupheka phantsi kolawulo lukaRamaphosa,” utsho uNdhlela.

Uthi uZuma akaqhutywa kukuthanda isikhundla koko wenza konke oku ngenxa yokuba ebizwa ngabantu ukuba azokuhlangula ilizwe loMzantsi Afrika.

Umhlalutyi wezopolitiko uZola Majavu uthi esi sisifundo esibalulekileyo ingakumbi kwaba bajongene nemicimbi yezomthetho kwilizwe loMzantsi Afrika.

“Inkundla ingenelele ibonisa ukuba i-IEC ihambe gwenxa kwiindawo ezithile zesi sigqibo, ngoko ke inkundla izakubonisa i-IEC ukuba yeyiphi eyona ndlela iyiyo,” kutsho uMajavu.