UMiddendorp akayivumi ipenela enikwe iMamelodi Sundowns izolo

Umqeqeshi weCape Town Spurs, uErnst Middendorp, uyasiphikisa isigqibo esithathwe ngusompempe emdlalweni wayizolo. Ipenela efakwe nguLucas Ribeiro incede iMamelodi Sundowns ebethe iSpurs ngegowuli elinye emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe e’Athlone Stadium izolo ebusuku. Usompempe obephethe umdlalo ukhombe ibhola echaphazeni nakubeni uPeter Shalulile ebonalaka ethivini ewiswa nguVelebhayi (Asanele) weSpurs engaphandle emhlabeni kanozinti.

Akumphathanga kakuhle okwenzekileyo uMiddendorp ngoba iqela lakhe liphulukene nomdlalo ngenxa yesigqibo esithathwe ngusompempe. Emva kokuphumelela izolo, iSundowns ivule umsantsa wamanqaku alishumi elinanye phakathi kwayo neStellenbosch FC ekwindawo yesibini kwiDStv Premiership. Kwelinye icala, uMiddendorp uphantsi koxinizelelo olumandla ngoku emva kokuba iqela lakhe liphulukene nemidlalo eliqela ilandelelana. “Ndiqiniseli ukuba uShalulile uwiswe engaphandle emhlabeni kanozinti. Bekungekho sidingo sepenela,” utshilo uMiddendorp.

“Kodwa kufuneka ndiyibukele kwakhona. Andifuni ukuchitha ixesha lam ngoba oosompempe basithathile isigqibo. Masiyiyeke inje ngoba asinawo amandla wayo,” utshilo umqeqeshi wongeza ngelithi iSpurs besinalo ithuba lokufumana inqaku okungenani emdlalweni wayizolo ebusuku. “Emidlalweni egqithileyo siwafumene amathuba. Nakulo umdlalo ebekhona amathuba. Umdlalo ubuphethwe yiSundowns ngoba idlala kakuhle – kodwa iziphumo ngezahlukile ukuba bekungekho penela,” utshilo uMiddendorp onomsebenzi onzima wokusindisa iSpurs ezembeni.

“Ukusukela ngoku, sishiyekelwe yimidlalo esixhenxe. Sifuna amanqaku amahlanu anokuvala umsantsa ophakathi kwethu neqela elisentla kwethu. Lisekhona ithuba lokuyenza lo nto,” utshilo uMiddendorp emva komdlalo kwiSuperSport TV. Unzima kakhulu umsebenzi ojongene neSpurs esisaqokelele ibathwana lamanqaku alishumi elinambini kuphela emidlalweni yale sizini. Emdlalweni olandelayo, iSpurs siza kundwendwela iPolokwane City eyingozi kwiveki ezayo. Iqela likaLehlohonolo Seema likwindawo yesine futhi lifuna ukubuyela emidlalweni yeCAF kwisizini ezayo.