Kufuniswa ngezizalwane zendoda efunyenwe ibhubhile

Kufunyenwe umzimba wendoda engasekhoyo kwibala eliseBethelsdorp ngoMgqibelo kwiveki ephelileyo unenxeba entloko.

Ingxelo ithi ngentseni ngoMgqibelo, amapolisa athe aziswa ngomzimba wendoda engasekhoyo, nobuqungquluze kwibala eliphakathi kwe-Ext 21 nesitalato iFrance, eBethelsdorp.

Ingxelo iqhuba ithi, lo mzimba wale ndoda neqikelelwa ukuba ineminyaka engamashumi amahlanu (50), ufunyenwe unenxeba elivulekileyo ngasemva entloko. Ukanti umzimba lo ufunyenwe uze, kwaye ulele ngesisu.

Amapolisa aseBethelsdorp akhangela uncedo kuluntu ukufumana izizalwane zale ndoda.

Kuvulwe ityala lokubulala, kwaye amapolisa ayaphanda.

Amapolisa acela nabani na onokuncedisa ukufanisa lo mzimba okanye onokuba neenkcukacha okanye izizalwane ukuba eze ngaphambili, okanye atsalele umnxeba amapolisa aseBethelsdorp, uDetective Sergeant Thandiswa Nobebe kule nombolo 082 442 1633. Ukanti angaqhakamshelana neCrime Stop kule nombolo 08600 10111, okanye atyelele isikhululo samapolisa esikufutshane.