Ziphanzile kwakhona iinzame zaBanyana Banyana!

Bashiyeke bephoxekile aBanyana Banyana kwakhona emva kokuba kuphanze iinzame zabo zokuya emidlalweni ye’Olimpiki. Oku kulandela ukudlala kwabo ntanganye ngeqanda neNigeria emdlalweni obubanjelwe eLoftus Stadium izolo ebusuku. Abalandeli bebhola ekhatywayo bebephume ngobuninzi, ngelishwa labo – aBanyana Banyana abakwazanga ukuphumelela umdlalo. UMzantsi Afrika uye emdlalweni wayizolo uphantsi koxinizelelo futhi kunyanzelekile ukuba uphumele ngokucacileyo.

Lo nto yenziwe kukuba ubethiwe yiNigeria kowayo ngegowuli elinye eqandeni. Amantombazana waseNigeria angene ebaleni lasePitoli efuna into enye: ukungabethwa emdlalweni wesibini. Umdlalo awuqalanga ngendlela iqela likaDesiree Ellis ebelifuna ngayo. Belicishilelwe yiNigeria elivimbe amathuba okufaka amagowuli emdlalweni wokugqibela obuza kulinika ithuba lokuya eFrance – apho kuza kudlalelwa khona imidlalo ye’Olimpiki kwisixeko ekuthiwa yiPeris.

Eminyakeni emininzi engumqeqeshi oyintloko weqela lesizwe lamantombazana adlala ibhola ekhatywayo, uEllis wenze umsebenzi omhle kakhulu futhi iimbasa aziphumeleleyo esisiqu zibubungqina bokusebenza kwakhe ngokuzimisela. Inye jwi into ebeyilangazelela: kukusa aBanyana Banyana kwi’Olimpiki emva kokubasa kwiFifa Women’s World Cup amatyeli amabini, ephumelele iWafcon ngo’2022 nokuzuza inqwaba yeendebe zeCosafa ngaphezulu kuneentanga zakhe ebholeni.

Ethetha emva komdlalo, uEllis uthe: “Ndicinga ukuba kwisigaba sokuqala somdlalo asiyanga phambili ngokwaneleyo. Kodwa ke akukho nto esingayizamanga emdlalweni wanamhlanje. Ndiyazingca ngabadlali bethu. Siphoxekile ngoba asikwazanga ukunika abantu iziphumo ezihle.” Ukuphela kwendlela yaBanyana Banyana kuthethe ukuthi yiNigeria neZambia eziza kumela iAfrika ebholeni ekhatywayo yamantombazana ePeris ekuthambekeni kwalo nyaka. UMzantsi Afrika uza kuqalisa amalungiselelo weWafcon kwiinyanga ezizayo.