Uza kunqaba umbona kwihlabathi

Umbutho wezizwe ezimanyeneyo uthi ngenxa yembalela ehamba ne-El Nino ebangele ukuba kunqongophale imvula ngexesha lokulinywa kombona, kulindeleke ukuba sibesincinci isivuno sombona kwihlabathi.

Le ngxelo ithi imveliso yombona iza kuhla ngamandla kumazwe akumazantsi weAfrika. Imvula enganelanga kwakunye nengqatsini yelanga ngunobangela wokunqongophala kwemveliso yombona kwihlabathi.

Umbona wafika kweli leAfrika ngexesha leemfazwe zeMfecane uphethwe ngamaqela emikhosi yaseNtshona.

Umbona yenye yeemveliso zolimo ezisetyenziswa ngeendlela ezininzi kumazwe aliqela ehlabathi. Kukho iimveliso ezizodwa eziphuma kumbona ezenza ukutya okutyiwa ngabantu, kube kubekho ezo zivelisa ukutya okutyiwa yimfuyo.

Kumazwe aseAfrika umbona wafika wathatha indawo yemveliso zeenkozo eziquka amazimba nengqolowa. Oluqikelelo luthi ngabantu abaqikelelwa kwishumi elinesithandathu sezigidi abalindeleke ukuba bachatshazelwe yindlala yokunqongophala kombona.

Le ngxelo ityhola ngamandla imeko yezulu ekuthwa nguEl Nino ngokuba ngunobangela wengxaki ebangela ukunqongophala kombona. Kuthwa le meko iza kubangela ukuba amaxabiso okutya enyuke, oku zakwenza ukuba imeko yentlalo ibenzima nangaphezulu.

Amazwe afana neZambia, Zimbabwe neMalawi sele ecele ukuba la mazwe achazwe njengamazwe akwimeko yentlekele ngenxa yale meko.

UMzantsi Afrika uthumele umbona kuninzi lamazwe akumazantsi weAfrika, kodwa kule minyaka imbalwa igqithileyo ilizwe laseNigeria belihamba phambili ngokuvelisa umbona eAfrika.

Ingeniso eyenziwa ngamafama kweli nakwilizwekazi leAfrika ngokulima umbona iza kuhla ngamandla ngenxa yale meko. Kulindeleke ukuba umyinge wombona ongeniswa ziitoni ezithile zombona zihle ngenxa yale meko.

Ukuhla komyinge wengeniso yombona nezinye iimveliso zolimo kubangela ukuba amafama atshintshe izinto azivelisayo ezama ezinye iindlela zokwenza imali.