URamaphosa uyiqhwabele izandla iEPWP encede abantu abaninzi

UMongameli uCyril Ramaphosa ehlola umsebenzi woosomashishini abakhiqizwe yiEPWP izolo eMonti. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Ngenkqubo kaRhulumente ekuthiwa yiExpanded Public Works Programme (EPWP), uMongameli uCyril Ramaphosa uthembise ngelithi kuza kudala izithuba zemisebenzi kuxhaswe namashishini asakhulayo elizweni lonke.

Oku ukuthethe izolo emcimbini obubanjelwe eBuffalo City Stadium, eMonti, apho bekubhiyozelwa khona amashumi amabini eminyaka enkqubo kaRhulumente edale imisebenzi ngokunika abantu izakhono kwabanye uqeqesho lokuzakhela amashishini wabo.

UMongameli uthembise abantu baseMzantsi Afrika ngelithi uRhulumente, ophantsi kwe’African National Congress, uza kudala amathuba emisebenze azizigidi ezihlanu eminyakeni emihlanu elandelayo.

Ngokutsho kukaStats SA, iqondo lentswelongqesho liphezulu kakhulu eMzantsi Afrika, ngakumbi kwiphondo leMpuma Koloni eliphala phambili. Lulutsha oluchaphazeleka kakhulu kukungabikho kwemisebenzi, olufundileyo nolungafundanga. UMongameli uyiqhwabele izandla inkqubo kaRhulumente, iEPWP, ngelithi ihamba phambili kwihlabathi lonke ngoba iphucule ubomi babantu abahluphekayo eMzantsi Afrika.

“Ukusukela mhla yasungulwa iEPWP, seyinike abantu amathuba emisebenzi akwizigidi ezilushumi elinesine (14-million). Sathi le nkqubo kaRhulumente iguqula ubomi. Ubungqina nabuya, abantu banezakhona, bayasebenza abanye baziqhubela amashishini wabo amancinci,” utshilo uMongameli ebaleni ebeligcwele ngabantu abasuka kwiindawo ngeendawo eMpuma Koloni.

Uthe uRhulumente uchithe imali eziibhiliyoni ezerandi ezingaphezulu kwamashumi amane (R41-billion) eguqule ubomi babantu abahluphekayo ngenkqubo kaRhulumente, iEPWP. “Njengokuba sibhiyozela amashumi amabini okusebenza kwayo iEPWP, ekwenzileyo makusikhuthaze ukuze senze ngaphezulu.

“Kukho imfuneko yokuphucula imeko abasebenza phantsi kwazo abantu abasebenza phantsi kwe-EPWP ukuze umsebenzi abawenzele uluntu ube mhle. Inkqubo kaRhulumente yokudala imisebenzi inendima ebalulekileyo eyenzayo kwicala lokulwa nempathombi koomama nasebantwaneni emakhaya, ekusetyenzisweni kweziyobisi nasekhuleni kwabantwana.

“Isigaba esilandelayo se-EPWP siza kuphucuka kwaye sizimisele ukudala amathuba engqesho akwizigidi ezihlanu eminyakeni emihlani ezayo. Sikwazimisele nokuxhasa amashishini akhulayo anokudala amathuba,” utshilo uMongameli nakubeni abantu abasebenza kwiEPWP bebekhala ngemali encinci nokunganikwa izinto zokusebenza.