BUKELA: Utitshala nomfundi bavane amandla eklasini, esi siganeko siyaphandwa

Utitshala nomfundi besilwa eklasini. UMFANEKISO: UTHATHWE KWIVIDIYO

Isebe lezemfundo eGauteng liqalise uphando kulandela umlo obuphakathi kwetitshala nomfundi wakaGrade 9 kwisikolo samabanga aphakamileyo iGlenvista eGoli.

Kwividiyo ejikeleza kumakhasi onxibelelwano, umfundi notitshala balwa kwigumbi lokufundela, iidesika zibhabha phambi kwabanye abafundi.

Isithethi sesebe lezemfundo eGauteng uSteve Mabona uthi uMphathiswa wesebe lezemfundo kweli phondo uMatome Chiloane ukhathazekile yile vidiyo ejikeleza kumakhasi onxibelelwano.

“Ngokweenkcukacha esinazo, esi siganeko senzeke ngoLwesine umhla wesibini kuCanzibe. Kuthathwe ividiyo yesi siganeko ibonisa utitshala nomfundi besilwa eklasini, besonakalisa ifanitshala yesikolo ngethuba lomlo,” utshilo uMabona.

Isebe liqalise uphando lokuqinisekisa iinkcukacha ngonobangela walo mlo.

“Lo mba siwuthatha njengento ebalulekileyo. Ukhuseleko lomntu wonke kumasango ezikolo luhlala luyinto ephambili kuthi. Ukuziphatha okunjalo akuyi kunyanyezelwa. Izikolo zezophuhliso, hayi izenzo ezimbi.

“Ngokunjalo, siphanda iimeko ezingqonge esi siganeko kwaye siza kuthatha amanyathelo angqongqo koko sikufumeneyo,” utshilo uMphathiswa uChiloane.

Abantu bothukile yile vidiyo, ngelixa abanye betyhola ukuyekwa kokubethwa ezikolweni njengonobangela wokwanda kweziganeko zokungaziphathi kakuhle kwabafundi.

Bukela le vidiyo

Nazi izimvo zabafundi beli phephandaba ngesi siganeko

Mfezeko Mfuku: “Lo mba waqala xa ootitshala bengasavunyelwa ukuba babethe abafundi.”

Nkosithandile Neyame Mjoli: “Hayi lo msebenzi ndiyawubonga mna, iskolo siske saba yindawo yokudampa abantwana abangenasimilo, ootitshala soze bayimele bodwa, le mbeko iqala ekhaya.”

Siphosethu Hackula: “Saphela isonka sikatata wabantu ngenxa yabantwana abangenamva nomphambili. Akuqali ngabo ukufunda abantwana, ungafika la titshala waye fundisa umama wakhe lo ambethayo naye endlini. Ndiyamqonda lo titshala, bayadika abantwana abakhoyo, abafuni “hayi” ngozwi lakhe.“

Nelly Banda: “Isebe lezemfundo kufuneka limxhase utitshala qha qwaba.”

Zukisa Mhlakaza: “Ubhuti wam ongasekhoyo wayeka ukuba ngutitshala xa waphantse wahlatywa ngumfundi.”

Nandipha Philisani: “Mna ukuba bendingutitshala, bendizofundisa ofuna ukufunda, ongafuniyo ndimyeke. Andinozi nkalisa ngabantwana.”