IPirates iya phambili kwiNedbank Cup emva kokunyathela iChippa United ekhaya

UBienvenu Eva Nga weChippa united noKabelo Dlamini we’Orlando Pirates emdlalweni weNedbank Cup obuseNelson Mandela Bay Stadium. Umfanekiso: ©Sydney Mahlangu/BackpagePix

Idlulela phambili kwiNedbank Cup kwakhona i’Orlando Pirates emva kokuba inyathele iChippa United yafaka amagowuli amathathu kwelinye emdlalweni obutaka iintlantsi eNelson Mandela Bay Stadium. Ezimnyama zingene ebaleni zixwaye impazamo kwisigaba sokuqala esiphele iChippa United iphantsi koxinizelelo.

Amagowuli afakwe nguKabelo Dlamini (amabini) noTapelo Xoki aqinisekise ukuba iPirates iza kudlala umdlalo wokugqibela weNedbank Cup oza kube useMbombela Stadium. Nangona izinto zonakale kwangoko emdlalweni – kodwa okuncomekayo kukuba iChippa izamile ukulwa.

Abantu ababegcwalise ibala namhlanje bagoduke befumene umdlalo osemgangathweni ophezulu. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iPirates inkqenkqeza phambili ngamagowuli amabini eqandeni. Iindendwe zizicacise zisuka nje emdlalweni ukuba zifuna impumelelo.

URelebohile Mofokeng unyanzele uStanley Nwabali ukuba achithe ibhola embi emzuzwini wokuqala womdlalo. Ithe isazama ukuzinza emdlalweni iChippa United, uKabelo Dlamini uyothuse ngegowuli alifake ngebhola ebibekwe phantsi ngaphaya komhlaba kanozinti. Kuye kwanyanzeleka ukuba iChippa Unite iphendule – kodwa yala iPirates.

UJose Riveiro wenze utshintsho kwangoko emdlalweni emva kokuba konzakele uDeon Hotto entloko. Indawo yakhe ithathwe nguKapteni weBucs, u’Innocent Maela. Uzamile ukutyhala ngesifuba uEva Nga Bienvenu ezama ukufumana igowuli lokulinganisa – kodwa uTapelo Xoki noThabiso Sesama khange bamvumele tu.

UNwabali ubethe ngesandla enye ibhola embi ebikhatywe nguThalente Mbatha obedlalelwe ibhola entle nguTshegofatsho Mabasa. Emzuzwini wamashumi amane, uDlamini ufake ibhola yesibini emva kokuba uJustice Chabalala eyeke ibhola esithi iphumile yathathwa ngumdlali wePirates.

Omabini amaqela anyuse umxakatho kwisigaba sesibini. Iqela ebelidlalela ekhaya beliphantsi koxinizelelo ngoba iPirates ibihamba phambili ngamagowuli amabini. Emva kwebhola edlalweni kakuhle nguEva Nga, ufake igowuli uElmo Kambindu emzuzwini wamashumi amathandathu anesibini.

UTapelo Xoki ubhakuzelise umnatha ngebhola ayifake nzima isuka ekoneni. Izamile ukulwa iChippa United ekhutshwe kwangoko emdlalweni – kodwa ngelishwa layo, ayikwazanga ukusebenzisa amathuba ambalwa ewafumene emhlabeni wePirates ephumelele ngo’3-1 ekupheleni komdlalo.