Liyoyikisa izinga lokunyamalala kwamadoda eGqeberha!

Osebenza njengoJikeleza uMfundo Sifile (41) waseMissionvale eGqeberha owanyamalala kunyaka ophelileyo. UMFANEKISO: SAPS

AmaPolisa aseAlgoa Park abongoza kuye nabani na onokuba nolwazi malunga nokunyamamalala kwendoda yaseMissionvale egama linguMfundo Sifile (41) egqityelwe kunyaka ophelileyo ngomhla we28 kuOktobha.

Ngokwengxelo, lona ityala lokulahleka komntu livulwe ngoFebruwari kulo nyaka ka2024.

Ngokwengxelo ephuma kuColonel Priscilla Naidu, ithi, uSifile nosebenza njengoJikeleza kwiirenki zaseGqeberha, wagqityelwa emva kwentsimbi yokuqala emini kwindlu yesithandwa sakhe ekwisitalato iTromp eMissionvale wabe engumntu ongazukugqiba neyure kwindawo awayesiya kuyo njengoko wayehamba ngemoto engeyoyakhe.

Imoto leyo wayehamba ngayo yayiluhlobo lweOpel Kadett umbala wayo umhlophe.

Ngethuba enyamalala uSifile wayenxibe ibhulukhwe embala ugreyi, isikipha esimnyama kwakunye neeteki ezimnyama. Imoto yona yafunyanwa KwaDesi ngosuku awayenyamalele ngalo kunyaka ophelileyo.

Lowo unolwazi uyabongozwa asebenzisane namaPolisa ngokuthi atsalele uDetective Constable Ashron Bergman ku-067 082 5379 okanye ku-08600 10111.

USifile wongeza kwinani labasebenzi bakaJikeleza abalahlekileyo nanjengoko engekabhaqwa naye uThanduxolo Williams (35) waseBayland eGqeberha ogqityelwe ngomhla wesithandathu (6) kule nyanga.

UWilliams ebesebenza kwirenki eseZiyabuya Shopping Mall.

Omnye osanyamaleleyo nguNtlahla Hobongwana (40) waseNew Brighton naye owanyamalala kule nyanga sikuyo ngomhla wesine (4).