Ufunyenwe ethe cwaka uAviwe emva kokuduka!

Kapa: Uthi akothukanga kakhulu kukufunyanwa komzimba
wentombi yakhe kufutshane nebala lemidlalo iVygieskraal kufutshane neAthlone
umama ka-Aviwe JamJam, kuba intombi yakhe ibingonwabanga kubudlelwane ebikubo
neqabane layo. Umama wale ntwazana ibineminyaka engamashumi amabini
anesithandathu ubudala yaseSite C uthi: “Kudala ezama
ukohlukana neqabane lakhe kuba belimbetha kwaye nathi silusapho kuziziganeko
ziliqela umfana ebencuma naye esiza kusigrogrisa ngokusibulala. Kwelinye ityeli
wafika negqiza labahlobo bakhe babetha umyeni wam apha phambi kwendlu
bamonzakalisa bephethe imipu, iiphanga nezixhobo ezinobungozi.”

Le nkosikazi ivakalise uloyiko, ingafuni nokufotwa isithi
yoyikisela ukuba umrhanelwa angathumela abahlobo bakhe bazokubabulala. Uloyiko
lwale nkosikazi belubonakala nakubahlobo bak- Aviwe abangafunanga ukudizwa
ngamagama, bengafuni nokuba kuthathwe imifanekiso yabo, besithi bebesele
bengasanxulumani naye uAviwe ngenxa yokoyika umrhanelwa.

Omnye umhlobokazi uthi: “Kwisiganeko sokubhaca kuka-Aviwe
ebaleka iqabane eli lakhe,  lafika endlwini
yam liyokumkhangela,  ndathi ndakumxelela
ngomlomo ukuba akekho wangena ngaphakathi wagqogqa amagumbi  emkhangela,  wanyanzelisa ukuba ndivule namagumbi asecaleni
eqinisekisa ukuba andimfihlanga kuwo kusini na”.

Ilungu losapho elingoyikanga ukudiza igama nokuthatha
imifanekiso ngumzala kaAviwe,  uSivuyile
Ndeleni,  uthi:  “Silusapho sonakele kakhulu kuba umzali xa
efumana umntwana uyavuya ngeenjongo zokuba uyakumkhulisa ngendlela eyiyo ze amsebenzele.
Besisajonge lukhulu kuAviwe,  ufundisiwe 
kuba bekujongwe impumelelo kuye, kubuhlungu ngoku amagama aphelela
emqaleni.  Izinto ezinje siqhele
ukuzibona kumajelo eendaba asizange sayicinga ukuba ingasehlela.”

Amapolisa angqinile ukuba emva kokudizwa kukaAviwe
njengolahlekileyo kuye kwafunyawa umzimba kufutshane nebala lezemidlalo
eAthlone unomonzakalo entloko.

Othethela i-SJC uChumile Sali uthi:  “Sizakulixhasa usapho lukaAviwe ezinkundleni
siqinisekise ukuba umenzi wobubi ujamelana nengalo yomthetho.”

Ukanti umphathiswa wamapolisa kuzwelonke uFikile Mbalula
utyelele usapho lwexhoba eyokudlulisa amazwi ovelwano.