Ntinga mntu wakuQoboqobo

UBOMI babantu basezilalini bakuzinza xa benezakhono zokuziphuhlisa futhi benolwazi oluthe gabalala kwiinkqubo zentatho-nxaxheba kwidemokhrasi yoMzantsi Afrika.

Le yinto ebekufanele ukuba ikhokelwe ngurhulumente wentando yesininzi ezilalini kodwa ngelishwa akwenzeki ngehlobo ebekufanele ukuba kwenzeka ngalo.

Kungesozizathu kanye esaba ngunobangela wokusekwa kombutho ongenanto yakwenza norhulumente iNtinga Ntaba kaNdoda ezinze kwilali yaseNgqumeya kuQoboqobo. INtinga Ntaba kaNdoda iziqhayisa njengokuba ingumbutho owasekwa ngabahlali ngeenjongo zokuxhamlisa abahlali.

INtinga Ntaba kaNdoda isekwe ngonyaka ka2002 kwaye sithetha nje ijongene neelali ezilishumi elinesibhozo kummandla wakuQoboqobo. Ezilali ziquka iNgqumeya, Rhabhula, Zanyokhwe, Debe noMkhubiso.

Ethetha nephephandaba I’solezwe eNgqumeya, kwisiza esinguronta owakhiwe ngamalung alo mbutho, uDaluxolo Matanzima – ongumanejala ojongene necandelo lamafa esizwe, ezokhenketho ubugcisa nenkcubeko kwiNtinga Ntaba kaNdoda – uthi baneqhayiya ngabakwenzele uluntu lwelali abasebenza kuzo.

“KwiNtinga Ntaba kaNdoda sikholelwa ukuba ukuze uluntu lakuthi luphuhle, kufuneka kubekho izakhono kuqala. Sinamaphulo asekezelwe kuphuhliso lwentlalo yoluntu.

“La maphulo aquka ukuqinisekisa ngemfundo esemgangathweni kubantwana basezilalini eziphantsi kwendawo apho ifikelela khona iNtinga. Ukuqinisekisa oko, sisebenzisana namaziko emfundo ephakamileuo afana neRhodes, Fort Hare, iUCT neWits,” utshilo uMatanzima.

Lo kaMatanzima wenze umzekelo ngeRhabhula Senior Secondary kuQoboqobo, athi bayihlangule ikwizinga elibi lokuphumelela kwabafundi bebanga leshumi ngo2013. “Ngonyaka ka2012, iRhabhula yayikwizinga lomyinge wesihlanu ekhulwini (5%) wabantwana abaphumelele uGrade 12, sangenelela ze yafumana u-73% ngo2013. “Ngelishwa kwangenela ipolitiki esikolweni nto leyo eyabangela ukuba sirhoxe, apho kwabangela ukuba kungabikho namnye umfundi ophumeleleyo ngo2014, saphinda futhi sangenelela nto leyo ethe yabangela ukuba sifumane u-65% kunyaka ophelileyo isikolo,” utshilo uMatanzima.

Enye yeenkqubo zeNtinga ijongene ncakasana nolutsha kwaye ibizwa ukuba yiNtingani Lutsha. KwiNtinga Lutsha, abantu abatsha bafundiswa ngeenkqubo zokuguqula iimpilo zabo logama bekwazibandakanya kwezemidlalo.

UMatanzima uthi ngokusebenzisana neCo-operative and Policy Alternative Center (COPAC) ezinze ePitoli bakwazile ukunceda amafama aliqela kuQoboqobo ngezakhono zokuqweba amaqhinga amatsha okuzinzisa oko bakulimayo. Uthi amafama aliqela kwezi lali abhalise iindibanisela ngoncedo lweCOPAC.

“Enye yezinto esizikhuthazayo, kukuba xa kulinywayo masizikhulisele izityalo zethu ngaphandle kwezi zichumisi zimosha indalo,” kutsho uMatanzima.

INtinga Ntaba kaNdoda ikholela ukuba abantu kufuneka bayithabathe inxaxheba kwidemokhrasi yelizwe labo ukuze bazokwaza ukuhlela ukuba ingaba iinkonzo eziza kubo zifanelekile kusini na.

“Abantu kufuneka bawazi umgaqo-siseko, khon’ ukuze bazowazi amanyathelo ekufanele ukuba bawalandele xa kungahambi kakuhle ekuhlaleni,” utshilo uMatanzima.

Ngoncedo lwe-arhente yophuhliso lwamaphande eMpuma Koloni (Eastern Cape Rural Development Agency), iNtinga Ntaba kaNdoda inezixhobo zokuphehla umbane isebenzisa inkunkuma nobulongwe. Ngalo mbane, uphehlwa kwakule lali, lo mbutho uyakwazi ukupheka ukutya. Kukho izicwangciso zokuba lo mbane ufanele ukuxhamlisa imizi nokuba ilishumi kwezilali njengesiqalo.

Njengayo nawuphi na umbutho oqhutywa yintshisakalo yabahlali, iNtinga iswel’ iintsiba (imali), ngoko ke ibingathanda ukuba abo banokuphosa esivivaneni benze njalo.