Lidlwengulwe alakwazi nokuzenzela nto ixhegokazi kuTsolo

Lichacha ngcono kwisibhedlele iDr Malizo Mpehle kuTsolo ixhegokazi elinamashumi asibhozo anesihlanu ubudala (85) lelali yaseMayaluleni kuTsolo, emva kokudlwengulwa kanobom ubusuku bonke kumzi walo yindoda engaziwayo.

Ixhegokazi eli kuvakala ukuba lihlala lodwa, ukuze libe lingeniswa esibhedlele kucaca ukuba lidlwengulwe ngolunya kuba ngoku yonke into iyaziphumela emazantsi.

UCeba wala mmandla uZingiswa Nomlungwana Ntiba, usikhalimele esi sehlo senzeke kwixhoba esithi inimba yayaphi emadodeni.

“Yayaphi imfesane kubantu abangoo tata ngabazali babo xa beza kudlwengula ixhewukazi elingenamlweli lide lophe libe kule meko likuyo. Ibuhlungu kakhulu into eyenziwe kulo, ndiyakrokra ukuba ebelidlwengulwa ngumntu ongaphilanga ngokwase ngqondweni kwa uba lide libe kwimeko eloluhlobo ixhewukazi.”

Umakhulu udlwengulwe kuLwesibini weveki ephelileyo, ngosuku olulandelayo wabalekiselwa esibhedlele kuba kuqatshelwe ukuba yonke into emazantsi iyazihambela.

Emva kokuba ekhutshiwe sisibhedlele ngoLwesithathu, uphinde waqapheleka ukuba akakabi ngcono, usazenzela njengoko ehanjwe kakhulu ngumrhanelwa.

UNtiba uthi ibuhlungu intliziyo yakhe kuba aba bantu badala bashiywa bodwa zintsapho zabo zingabakhathaleli.

Uthi bakwiinzame zokulungiselela amaxhegwazana angamaxhoba wokuhlala odwa.

Ixhoba lityeli lesine lidlwengulwa. UNtiba uthi lilume umrhanelwa emnweni wesandla oku kwakuthi kuncedisane namapolisa kubungqina xa kunokuthi kubhaqwe umfana onokuba nokrwelo emnweni.

Ukanti uZamile Matyala okwikomiti yaKomkhulu kula mmandla, ukukhalimele naye ukushiywa kwamaxhegwazana odwa kumakhaya, esithi iintsapho azikhathali kuba iziganeko ezinje ziyenzeka umhla nezolo kwaye abantu bayalumkiswa abamameli.

Uthi umntu osele ekula minyaka akaseva nto ade abe udlwengulwa ubusuku bonke. Uthi bayawenza amaphulo kwiindibano zakomkhulu ngokunqwanqwada abantu.

Amapolisa akuTsolo angqinile ngesi sehlo esithi akukabanjwa mntu okwangoku. Ixhewukazi nalo lise sibhedlele.