YATSHA IMIZAMO YETHU

Malunga namakhulu amathandathu namashumi amahlanu amatyotyombe athe atsha kwindawo yoogobityholo ebizwa ngokuba yiDontse-Yakhe nekwilokishi Imizamo Yethu eHout Bay ngobusuku bangoMgqibelo. Lo mlilo okungaqinisekwanga ukuba uqale njani, ubulele abantu abane, amawaka amabini ashiyeka engena ndawo zokuhlala. Kungoku nje basazibonela iindawo zokuhlala, abantu kunye neminye imibutho yesisa incedisa ngokutya nempahla. Umphathiswa wohlaliso loluntu uLindiwe Sisulu kunye nowephondo uBonginkosi Madikizela bandwendwele. Baye bacelwa abahlali ukuba bangakhi amatyotyombe kwakhona kuba bezakulungiselela ukwakha izindlu kula ndawo. Kungoku nje basakhangela iindawo abanokuba xhwakisa khona.umfanekiso Phando Jikelo

Malunga namakhulu amathandathu namashumi amahlanu amatyotyombe athe atsha kwindawo yoogobityholo ebizwa ngokuba yiDontse-Yakhe nekwilokishi Imizamo Yethu eHout Bay ngobusuku bangoMgqibelo. Lo mlilo okungaqinisekwanga ukuba uqale njani, ubulele abantu abane, amawaka amabini ashiyeka engena ndawo zokuhlala. Kungoku nje basazibonela iindawo zokuhlala, abantu kunye neminye imibutho yesisa incedisa ngokutya nempahla. Umphathiswa wohlaliso loluntu uLindiwe Sisulu kunye nowephondo uBonginkosi Madikizela bandwendwele. Baye bacelwa abahlali ukuba bangakhi amatyotyombe kwakhona kuba bezakulungiselela ukwakha izindlu kula ndawo. Kungoku nje basakhangela iindawo abanokuba xhwakisa khona.

Imifanekiso: Phando Jikelo