Balithoba abakhwetha ababhubhele esuthwini

Ngabakhwetha abalithoba esele bebhubhile eMpuma Koloni ukusukela oko liqalile ixesha lokwaluko lasehlotyeni, umasipala wesithili saseChris Hani uhamba phambili ngabakhwetha abane.

Ixesha lokwaluko lasehlotyeni liqale kwisithuba seeveki ezimbini ezigqithileyo nalapho amasebe karhulumente aquka isebe lezempilo athe agqithisa ngeenqwelo mafutha eziqeshiweyo ezingamashumi amathathu anesihlanu.

Umphathiswa wesebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli eMpuma Koloni, uFikile Xasa, uthi baxhalabile leli nani lokubhubha kwaba bakhwetha. “NgesiXhosa esivakalayo ndingathi kubi, kuba xa besiphehlelela eli xesha lolwaluko eKomani noko senze amalungiselelo ngokuthe xhaxhe ukuzama ukunqanda ezi ngxaki zokubhubha kwabantwana,” uthethe watsho uXasa.

Uthi kudanisa nangakumbi ukuva ukuba oyena masipala ubephambili kunyaka ophelileyo ngamanani okubhubha kwabantwana iChris Hani isenguye okhokeleyo nakulo nyaka. “Ingxaki yemozulu kula ngingqi yaseChris Hani singayisola kodwa ke asinakugqiba sitsho ukuba yilonto unobangela wengxaki,”utshilo uXasa. Le ngxelo ithi ngabakhwetha ababini ababhubhe kumasipala wesithili saseAlfred Nzo, abemnye eAmathole, abemnye eOR Tambo aze abemnye eJoe Gqabi. Isithethi sesebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli uMamnkeli Ngam uthi bathathu kuphela omasipala abangekachaphazeleki kweli tyheneba. “Umasipala waseBCM, iNelson Mandela Bay kwakunye neSarah Baartman ngabo kuphela abangekachaphazeleki kule ngxaki,”utshilo uNgam.

Lo kaNgam uthi iyabothusa indlela eyenzeka ngayo ingxaki yokubhubha kwabakhwetha. “Aba bantwana babhubha kwezi ndawo zingekho mthethweni nakwezi zisemthethweni lo nto yenza ukuba singayazi ngoku into enokwenziwa,”utsho uNgam.

Eli sebe likwatyhola abazali ngokungavuli matyala ngakwabo batyholwa ngokuxhaphaza okanye ukuphatha kakubi abakhwetha.

IMpuma Koloni ibhujelwe ngabakhwetha abangamashumi amane anesihlanu kunyaka ophelileyo ngexesha lasehlotyeni, logama abantwana abangamashumi amabini bathe baqhuwulwa amalungu abo obudoda ngenxa yokonakala. Yimali ekumashumi amabini ezigidi zerandi ethe yasetyenziswa kunyaka ophelileyo ukuqesha inqwelo mafutha ebezityelela indawo zokwalusa.