Bathi kuqhuma ‘isijolo’ kwinkonzo yabo

AMALUNGU erhamente yamaWisile kwisekethe yakwaNtshunqe eMqanduli athi umfundisi omtsha onokuza kule tyalike kufuneka aqule aligangathe kuba “indoda iyawiswa ngamabhinqa” kule nkonzo.

Oku kuza emva kwebali ebelibikwe liphephandaba I’solezwe kwinyanga ephelileyo malunga nomfundisi wale sekethe othe wasiwa kwinkqubo yoluleko emva kokuxelwa yenye yeenkosikazi zerhamente lakhe ebethe gqolo ukuyiqhasa noxa itshatile nje.

Amakhosikazi amabini ale sekethe athe ancokola nephephandaba I’solezwe kule veki athi kuqhuma “isimetsho” kule tyalike.

“Ndiyamvela umfundisi omtsha onokuza kule sekethe. Apha kukho amantombazana ahamba ngezikethi ezifutshane ahlala ngaphambili, ahenda abefundisi. Imitshato yabantu iphelile eminye isemingciphekweni ngenxa yoku. Ndisitsho nje nam ndiyinkosikazi, kodwa ngendlela ekumetshwa ngayo kule sekethe kwenza ndibemanyungunyezi,” itshilo le nkosikazi.

Kwinqaku lenyanga ephelileyo, elinye lamalungu ale sekethe lixelele I’solezwe ukuba lo mfundisi, utyholwa ngesincwaso, ebethe gqolo ukuba neentshumayelo ezincoma amantombazana.

“Intshumayelo yakhe ibisoloko ilumeza kuba ebekhe agxile kwizinto ezenza amantombazana abemahle; izinto ezifana nokulungiswa kolusu. Zange ndambona umntu othanda amankazana njengalo mfundisi,” litshilo eli lungu.

Ukanti iziphumo zenkqubo yoluleko ngakulo mfundisi azikabhengezwa esidlangalaleni.

Kusenjalo, kuvakala ukuba amalungu ale sekethe athe akavuma ukuba lo mfundisi abeyinxalenye nenkonzo yokuvala unyaka yomhla wesine kule nyanga, esithi unobangela kukuba usenechaphaza lezityholo zesincwaso.

Amarhe okrexezo ngakulo mfundisi ade abangela ukuba inkosikazi yakhe yeminyaka elishumi elinesihlanu iziguzule kumtshato wabo.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za