UMasualle kwindibano noonondaba

Inkulumbuso yeMpuma Koloni uPhumulo Masualle kwindibano noonondaba UMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

INKULUMBUSO yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle ukholelwa ukuba unxibelelwano namajelo eendaba sesona sixhobo sibalulekileyo sokudibanisa i-ofisi yakhe noluntu lwephondo.

UMasualle ebethetha eMonti apho i-ofisi yakhe ithe yadibanisa intloko namajelo eendaba akhoyo kweli phondo. La majelo aquka amaphephandaba noonomathotholo.

UMasualle uthi iinjongo zoku kukuba ufuna ukuphucula indlela esebenzisana ngayo i-ofisi yakhe namajelo eendaba.

“Oku kungokuba, maxa wambi umsebenzi owenziwa ngurhulumente uye ungabonakali ebantwini. Lo nto ibangelwa, phakathi kwezinye zezinto, kukusilela konxibelelwano phakathi korhulumente namajelo eendaba,” utshilo uMasualle.

Ethetha ngomxakatho owenziwe yikhabhinethi yakhe kule minyaka mibini inesiqingatha kwixesha abaliqingqelweyo, uMasualle uthe: “Sineqela (khabhinethi) eliluqilima kwikhabhinethi yethu kodwa andingetsho ukuba liqela eligqibeleleyo.”

“Sikwixesha lokujonga indlela esisebenza ngayo, sibone ke ukuba singatshintsha kweyiphi indawo ukuze siphucule indlela esisa ngayo iinkonzo eluntwini,” utshilo uMasualle.