Ugwetyiwe indoda eyathembisa ngemali emva kokudlwengula umntwana

UGWETYWE ishumi elinesihlanu lemunyaka entolongweni uMlindeli Giba (57) yinkundla kamantyi eGcuwa, emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula. 

UGiba ufunyanwe enetyala lokudlwengula intwazana eneminyaka elishumi kwilokishi iSkiet eGcuwa yile nkundla ngoLwesibini wale veki.

 

Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha uthi; “Ixhoba labizwa nguGiba ngomhla wesibhozo kwinyanga kaCanzibe yonyaka ophelileyo ukuba liye etyotyombeni lakhe, lisakufika apho walidlwengula, akugqiba walikhulula lagoduka.”

 

Uqhube wathi, “Ixhoba labikela umakhelwane wekhaya lakhe ngesisehlo, nowafowunela uyise wexhoba owayese msebenzini ngoko.”

Emva koko, umrhanelwa wathembisa uyise wexhoba imali engane-R2000 rhoqo  ngenyanga xa enokungafaki simangalo emapoliseni. “Uyise wexhoba zange avume. UGiba wabanjwa ngabahlali bamsa ngokwabo emapoliseni,” woleke ngelo uManatha. Ityala lokudlwengula lavulwa ngamapolisa aseGcuwa, kwicandelo elijongene nobundlobongela nokhuseleko labantwana.