Utshaba lomtshato kukungahlonitshwa kwawo

“Umtshato mawubekeke ngandlela zonke”. AmaHebhere 13vs 4. Umtshato unentshaba, ezinjongo zawo ikukuwutshabalalisa.kubalulekile ukuba abo batshatileyo bawuhloniphe umtshato wabo, lo nto inika isikhokhelo nakwabo babukeleyo ukuze nabo bawunike eso sidima.

HLANGANA nalowo utshate naye njengentlama exoviweyo .Umtshato kukutshintsha isimo esidala silungele imo yobunye.Vuma ke ukwamkela imo entsha yasemtshatweni, kaloku ngoku nimntu mnye. Ubunye benziwa kukuzuza nokulahlekelwa. Apho kukho ubunye uThixo umisele intsikelelo “ Indumiso 133 vs 3 (b) “

HLOLA ukuba iindlela, nezenzo zakho azinabungozi kwimpilo yomtshato wakho.ukufa nokuphila kusezandleni zenu. Ningawucinezela, niwufuthanisele ude ufe, okanye niwuvulele izandla ubhabhe umke. Ngaphezu kwako konke kukhona izandla zabethelwa emnqamlezweni ngenxa yempilo yethu. Xa ezethu izandla zidinwa kukuphatha umtshato wethu, ezakhe azidinwa. Zolulwa, Zavulwa emnqamlezweni ukuze bonke abezayo kuye bamkeleke.Ezakhe zinamanxeba ziphatha ngenceba. Zinobubele zinothando.

HLUMISA nantoni na onqwenela ukuyibona ikhula isanda isomelela emtshatweni wenu , uyayondla ukuze zendele iingcambu zayo .Ukuhlala kakuhle kwababini emtshatweni kuchaphazela ikhaya labo, usapho lwabo, abahlali, nesizwe ngobubanzi, wonke umntu ulixhoba lomtshato aphuma kuwo, uzuzile okuhle okanye okubi.Hlumisa izinto ezithandekayo.Umtshato sisihlahla esihlumayo ukuze kuhlomle abaninzi.

HLALANI: phantsi nibonisane nakufika emahluka-ndlela. Malungaqhubeki uhambo xa iimbono zisohlukana ukuze iziphumo zesigqibo ibe zezo ninako ukuzivuyela.

HLISA: izinga labantu abanegunya emtshatweni wenu, abazali banelungelo lokucebisa babonise kodwa abanalungelo lokuthatha izigqibo ngomtshato wenu.

HLALA: uthe qwa ukuze ubiyele lonke uhlobo lotshaba oluwuphumele umkhosi umtshato Wubiyele ngomthandazo kuba akozeli akalali umgcini kaSirayeli.

HLONELA: uThixo, nantoni oyenzayo emtshatweni wakho khumbula okokuba umnikazi womtshato nguThixo. Nguye owabona ukuba akulungile ukuba umntu ahlale yedwa, wathi “Ndiyakumenzela umncedi onguwabo.” Xa uxakene nowenu jonga yena, akasoze axakwe lolu dongwe walumbayo waluphefumlela lungumyeni wakho , nolu bambo walukhuphayo endodeni, olu lungumfazi wakho.UThixo makahlale esenziwa isiseko kulo mtshato,isiqalo nesiphelo, kaloku yena konke akuqalileyo uyakugqiba.

HLONIPHA: umtshato wakho, wunike ixabiso nesidima.UMTSHATO MAWUBEKEKE,

NguNombini “Mamisto” Maqelana. Mfumane rhoqo kweli phepha ngoLwesibini, nangeCawe ngo6-9 pm. 0799793192 /0740776372. KuFacebook ngu: Mamisto’s Maqelana