Siyavuyisana naMaglug-glug neSundowns

Yhooo! Sifinca enye yezo veki zimnandi kwicandelo lemidlalo eMzantsi Afrika.

Le yiveki esizingca ngayo singabantu boMzantsi Afrika ngoba iqela lesizwe lebhola ekhatywayo, Amaglug-glug, enze umsebenzi omhle kakhulu eSenegal, apho belithunywe khona.

Eli qela liphantsi kwesandla sika-Owen Da Gama lizifumanele indawo kwimidlalo yee-Olimpiki ezakube ibanjelwe kwilizwe laseBrazil kunyaka ozayo. Bekungalulanga kodwa ngenxa yokuzimisela nolithanda ilizwe labo baye baqinisekisa ukuba ilizwe lzibekela indawo kule midlalo.

Siyababulela ngomsebenzi wabo omhle, siyababulela nangokuzinikela emsebenzini wabo. Siyathemba naxa kufika ixesha lokuba bamele ilizwe lethu phakathi kwezinye izizwe. Ngoku abadlalo beli baza kufumana ithuba lokuzivavanya kwelinye inqanaba elithe xaxe kuneli baliqhelileyo.

Zindaba ezimnandi kakhulu kuSafa ngoba kaloku inesicwangciso sika-2022 sokuvelisa abadlali abakumgangatho wehlabathi. Ikwanazo neenjongo zokuba onke amaqela adlale kwiitumente zehlabathi. Ngethamsanqa elikhulu yenzekile lo nto ngoba uMzantsi Afrika uzakuthi umelwe ngaMaglug-glug neBanyana Banyana kwii-Olimpiki.

Siyavuyisana nabo bonke abenze lo msebenzi. Kanti phakathi evekini iMamelodi ithathe indebe yeTelkom ehamba nezigidi ezine. Ibethe Amakhosi ngamagowuli amathathu kwelinye kuphela kumdlalo obumhle eMoses Mabhida ngoLwesithathu.

Ngaphandle kwamathandabuzo, umdlalo wala maqela aphambili kweli loMzantsi Afrika wonelise wonke umntu, ubukwelinye izinga.

Imidlalo emikhulu ithanda ukubambana ubukhulu becala, kodwa lo nto khange ibekho kula maqela aqeqeshwa nguPitso Mosimane noSteve Komphela. Ingase yonke imidlalo emikhulu ibenomtsalane, iphucuke njengalo besiwubukele phakathi evekini. Imidlalo enje iyithatha ibhola yeli iyibeke kweli nqanaba.

Ngoku okufunekayo kukuba omabini la maqela ayomela uMzantsi kwimidlalo yezwekazi le -Afrika(Caf).