Umhlobo Wenene uthi ndlelantle kuThandile Cekisani

UThandile Cekisani obe funda iindaba kuMhlobo Wenene UMFANEKISO: FACEBOOK

KUFIKELELE ixesha lokuba awubeke phantsi umboko weendaba zoMhlobo Wenene FM umakhwekhwetha wosasazo lukanomathotholo uThandile Titi-Cekisani emva kweminyaka engama31 esemoyeni.

UCekisani, obe gqibelisa namhlanje eSABC nanjengoko ethabatha umhlalaphantsi, uxelele inkqubo yoMhlobo Wenene FM uKhanya Gqiyazana ukuba akukhonto aza kuyenza ngaphandle kokuphumla. 
“Kukho abantu abaye bakubuze ukuba uza kwenza ntoni xa uthabatha umhlalaphantsi.  Ndiye ndibuze ukuba kanti yintoni kanye umhlalaphantsi?” utshilo. 
USis’ T, nanjengoko bebembiza njalo oogxa bakhe, uthi nangona eyokuphumla nje kodwa oko akuthethi ukuba uyokugcakamela ilanga imini yonke angenzi nto.
“Zikhona izinto endakuthi ndizibandakanye nazo ekuhlaleni, ” utshilo.
UCekisani, oyinzalelwane yaseTinarha, uthi uqale ukusebenza njengotitshalakazi.
Uthi oku kwakungumnqweno kayise owayengutitshala nomama wakhe owayengumongikazi.
Ukuphumelela kwakhe ibanga leshumi eNxukhwebe ngo1978, uCekisani waye wayakufundela ubutitshala eLennox Sebe College. 
“Ukuphumelela kwam apho ngo1980 ndaye ndaya kufundisa eLimekhaya eTinarha, isikolo eso nam ndandifunde kuso. “
UCekisani waye waqeshwa yiRadio Ciskei eQonce, apho wayesebenza khona nabasasazi abafana nooZola Majiza, Nokhaya Mfabana, Fikile Lubisi, Babarah Tsotsobe, Fezile Mpunzi, Peter Bacela nabanye. 
Uthi emva kokuqeshwa ngo1986, kwaye kwakho utshintsho ngoka1989 nalapho amanina ayesele evuleleka kwicandelo leendaba. 
USis’ T ukhumbula ezo mini njengokuba “yintakazana phakathi kooJobela.”
Lo mama wabantwana abathathu, ucebise abasasazi abasakhulayo ngelithi “mininzi imingeni emsebenzini kodwa ifuna ubani anyamezele. “
Nathi sithi awonwabele umhlalaphantsi USis T!