Linye ikhadi leNkam nkam, limthubi!

Iqumrhu likaRhulumente, uSASSA, ivelise ikhadi elitsha.

Iqumrhu likaRhulumente
elinkinkisha imali yenkam nkam nezibonelelo, iSASSA, inekhadi elitsha
elimthubi. Ikhadi elitsha lilo kuphela abaza kwamkela ngalo abantu abafumana inkam
nkam nemali yezibonelelo kuSASSA. Ukutshintshwa kwekhadi kuza emva kokuba
iSASSA ityikitye isivumelwano esitsha nePosi enikwe umsebenzi wokupeyisa abantu
oqala kwinyanga yoMsintsi kulo nyaka. Isithethi seSASSA kwiphondo leMpuma
Koloni, uMnu. Luzuko Qina, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba isivumelwano
sikaSASSA noCash Paymaster Services sifikelele esiphelweni. Nangona inkundla
inike iCPS ilungengelo lokupeyisa abantu iinyanga ezintandathu – kodwa kwelinye
icala uSASSA wayalelwe ukuba aqalise iinkqubo yakhe entsha nePost Office kwinyanga
yoMsintsi kulo nyaka.

“Sisebenzisa
iPost Office ngoku xa sihlawula imali yezibonelelo nenkam nkam. Akukho nto
intsha ke eyenziwayo ngaphandle kweli khadi litsha. Nangona kukho ikhadi elitsha
– kodwa umntu ofuna imali ifakwe kwiBhanki yakhe, siyakwazi ukuyenza lo nto.
Umntu usinika amaphepha aneenkcukacha nesitampu sebhanki agunyazisa thina ukuba
siyifake kuloo ndawo ayifunayo. Ukuba umntu ebepeya ebhankini, ezi nguqu
azimchaphazeli. Utshintsho luchaphazela umntu obesebenzisa ikhadi lethu elidala
ebelihambisana noCPS,” utshilo uMnu. Qina.

Ukufika kwekhadi
elitsha ziindaba ezimnandi ebantwini abadala abebezizisulu zokutsalelwa iimali
zezikweleti, omasincwabane ne-aitime nguCPS maxa wambi ngaphandle kolwazi lwabo.
Kwikhadi elitsha, umntu angayikhupha imali yakhe koomatshini bemali, angathenga
ezivenkileni, angayikhupha imali ePosini kathathu ngenyanga simahla,
angayijonga imali anayo nokuba kukowuphi umatshini webhanki kanti angalondoloza
nemali kulo. Imali enokutsalwa kwikhadi elitsha ayidluli kumyinge weshumi
ekhulwini. Ikhadi likaSASSA elitsha limthubi, linophawu lePosi ngemva – akukho mntu
oyakuyifumana imali ngaphandle kwalo ukuba akasebenzisi bhanki emva kwenyanga
yeThupha. UQina uthe amalungiselelo wabo wesiqalo esitsha sowuhlabele mgama
kakhulu futhi bambalwa abantu abangakawafumani amakhadi amatsha eMpuma Koloni.