Bavotile behlala kumaqokobhe benjalo

Abahlali bendawo ebizwa ngokuba kuseNkomponi kwa NU1 eMdantsane nabahlala kwizindlu ezibizwa amaqokombe bathi bona abayazi inkululeko

“Sivota nje kuba sicinga kunyanzelekile ukuba sivote.” Oko kudizwe ngabahlali abahlala kwindawo abayibiza ukuba kuseMaqokobheni eNkomponi kwaN.U.1 eMdantsane, kwizindlu abazibiza ukuba nga “maqokobhe,” lawo ayebekwe nguRailway elungiselele ukuhlalisa abasebenzi bakhe kwiminyaka engaphambi koo1990.

Aba bahlali bangena bona ngo1990 emva kokumka kwaba basebenzi, bangena kuba bebona zingenabantu babe bona befuna indawo yokuhlala, ngokokutsho kwabo.

La “maqokobhe” angapha kwamashumi amahlanu ewonke, nalapho ngaphakathi kuwo kuhlala iintsapho ezahlukeneyo nangona kulungiselelwe ukuba kuhlale umntu omnye nje kuwo.

Abahlali bathi sukela oko bathenjiswa ngokwakhelwa izindlu bethenjiswa ngokususwa kwezi. Abakukhalazelayo kukuba kwindawo ababesikelwe yona sele kwakhelwa kuymo abantu bamatyotyombe aseVelwano kwaNU.18.

Bathi kumhlaba lowo zange kuvunywe ngumasipala ukuba babe bebeka amatyotyombe ethutyana kuba bezama ukugcina umhlaba wabo.

UNokwakha Mila, 57, nongomnye wabo bafika ngo1990 kule ndawo uthi oko bankonya kubo iziqinisekiso zezindlu (title deeds) abazinikwa ngo1992, zisekubo nangoku kuba bengekafumani zindlu.

“Urhulumente makade asibonelele kudala sikhala nooceba abangenayo, bangena baphinde batshintshwe beyazi imeko yethu kodwa akubikho namnye ode aze nesisombululo kwingxaki yethu yezindlu. Kumnyama akude kucace kwaye bathembisa bonke, kodwa siselapha.”

Utat’ uDaweit Pateni, 63, nohlala yedwa kwelakhe iqokobhe uthi, noko kudala ngoku bekhala kurhulumente.

“Bendinqwenela ukuba ndithi ndibhubha ndibhubhe sele ndikwindawo eyeyam kuba ndimdala ngoku.”

Okwikomiti yeWadi yale ndawo uAbongile Mejana, ohlala apha naye, uthi okumkhwanqisayo kukuba ufumana iakhawunti yamanzi enombolo yale ndlu ikwisiqinisekiso sendlu yakhe, uthi into ebonakalisa ukuba la mhlaba kwakhelwa kuwo aba bantu baseVelwano ababe kumatyotyombe akwaNU.18 ngowabo.

“Kwakhiwa izindlu kula ndawo kodwa ndifumana iileta zokuba ndityala amanzi, njani ndingenamzi, into ebonisaubuqhophololo.”

Abahlali bathi amanye ala maqokobhe sele evuza xa kunetha. Bathi xa kushushu kubanzima kuba awanazo neefesitile, xa kukho umoya ayashukuma.

“Sele kumke amabini ngenxa yomoya, sincedwa kukuvala iminyango.” Izindlu zangasese zimbalwa kwaye babelana ngazo.

Sithetha nje lo mcimbi uphethwe ngamagqwetha karhulumente njengoko abahlali babhenela kuwo bakungahoyakali ngumasipala.

Uceba okhoyo ngoku kwaWadi 12 noyaziyo le nyewe nguGwebile Gosani.

abongile.ginya@inl.co.za