USekela Mphathiswa uthweswe isidanga se-PhD nguNokholeji

USekela Mphathiswa uGqr Reginah Mhaule ethweswa isidanga yiYunivesithi yaseFort Hare IMIFANEKISO: BHEKI RADEBE

USEKELA Mphathiswa weMicimbi yezeHlabathi neNtsebenziswano, uReginah Mhaule, uthweswe isidanga sobugqirha-lwazi (PhD) kulawulo loluntu (Doctor of Public Administration) yiYunivesithi yaseFort Hare eDikeni ngoLwesihlanu, watsho ekhuthaza bonke abantu ukuba baxabise imfundo.


UMhaule (57) uthweswe esi sidanga emva kophando lwakhe obe lujonge ekumilisweni kwenkqubo yophuhliso lukatitshala kwanokuphucula impumelelo yomfundi KwaMhlanga eMpumalanga.


Ngenxa yokusebenza nzima, uMhaule, okhe wanguMphathiswa wezeMfundo eMpumalanga, usiphumelele isidanga sakhe.


Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uMhaule uthi uchulumance kakhulu.


“Ndivuya kakhulu, le yinto ebekudala ndiyinqwenela. Ndikhula ndazixelela ukuba ndifuna ukuba ngugqirha-lwazi phambi kweminyaka engamashumi amahlanu, kodwa ngelishwa ide yadlula loo minyaka. Kodwa ke ndichulumancile, ndiyazingca ngempumelelo yam,” utshilo uMhaule.


“Kubalulekile ukufunda kuba kukwenza ubenengqondo ephangaleleyo, ukwazi nokunika ingqwalasela kwizinto ubungazithatheli ngqalelo. Umsebenzi karhulumente ufuna ukuphandwa, ukuze sazi banzi ngefuthe olenzayo eluntwini.”


UMhaule uthi isidanga sakhe seeMasters kwakulawulo loluntu wasenza kwiYunivesithi yasePitoli ngonyaka ka2012.

Kodwa uthi ukhethe iFort Hare kubugqirha-lwazi, ngenxa yembali yayo.


“Ndijonge imbali yale yunivesithi, ndaqonda ukuba ndifuna ukuba yinxalenye yoomakhwekhwetha abafunde eFort Hare. Ndivuya kakhulu ukuba yinxalenye nembali yaseFort Hare.”


Ukanti kwanobesakuba nguMphathiswa woPhuhliso loLuntu eMpuma Koloni, uNancy Sihlwayi, uthe wathweswa isidanga se-Postgraduate Diploma in Public Sector Monitoring and Evaluation eFort Hare eDikeni.