Awasindanga amafama weli kwiCOVID-19

Ilizwe loMzantsi Afrika lithumela kumazwe angaphandle iimveliso ezahlukeneyo ezimashumi amabini ezithi zingenise imali kumafama nelizwe loMzantsi Afrika.

Ukunwenwa okungxamileyo kwesifo COVID-19 kubangela ilahleko emandla nanje ngoko sele eqalile ukuchaphazeleka lamafama. Ecacise ngomyinge womonakalo uOmri Van Zyl osuka kwiAgri SA uthi imithwalo ayihambi kuba amazwe amaninzi avelile engavumi mithwalo engenayo naleyo iphumayo.

“Yimali eqikelela kwishumi leBhiliyoni zedollar yaseMelika ethi yenziwe kukuthengiswa kwezimveliso kumazwe angaphandle, ukungahambi kwayo yingxaki enkulu,” kucacisa uVan Zyl.

Uthi okona kuxhalabisa ngamandla kukuba oku kwenzeka kanye ngelixesha imeko yezimali yoMzantsi Afrika ingemanga kakuhle. “Ngaphandle kokungahambi kwemithwalo yethu, kulindeleke ukunyuka kwamaxabiso amafutha kwihlabathi, okuzakubangela ukunyuka kwamaxabiso okutya,” kutsho Van Zyl.

Ekupheleni kwenyanga ephelileyo umbutho World Health Organisation uchaze esi sifo seCOVID-19 nje ngogilikankqo oxake ihlabathi ngokubanzi.

“Sizimisele ukusebenzisana norhulumente namafama ngokubanzi siqinisekisa ukuba izinto ziphantsi kolawulo, kodwa akungako esinokukwenza,” uhambisa atsho uVan Zyl.

Ngaphambili kuvele ingxelo zokuba urhulumente weli ulungiselela ukuthumela umkhosi weli ukuba uyekuhlangula abantu boMzantsi Afrika abavaleleke eChina, onokrawuzana besithi amajoni awavumi kuya eChina.

Ukanti othethe egameni lomkhosi uSimphiwe Dlamini uyazichitha ezi ngxelo esithi aziyonyani. “Aziyonyani ezingxelo, ngumsebenzi wethu singamajoni ukwenza lo msebenzi, siqhele ukuthunywa kwindawo ezinzima kunale, sanikisa ngempilo zethu ukuhlangula nokukhusela abantu belizwe loMzantsi Afrika,” kutsho uDlamini.

Isebe ezeMpilo nelikhokhele igqiza lamasebe karhulumente ukuhlangula abantu beli abaseWuhan nakwezinye iindawo zaseChina lithi lenza amalungiselelo. “Mininzi ibibutho echaphazeleka kweli linge lokuhlangulwa kwaba bantu eChina, sisagqibezela amalungiselelo okuqinisekisa ukuba wonke ubani ochaphazelekayo ukulungele ukuya eChina,” kutsho uZweli Mkhize ongumphathiswa weMpilo kweli.

Nangona zikho ingxelo zokulawuleka kweCOVID-19 eChina imeko yezimali yaseChina sele ibetheke ngamandla. Oku kungenxa yokuba iinkampani ezininzi eziquka iinkampani ezivelisa iimoto eziquka uToyota, Hyndai, Daimler Chrisler nezinye zivalile eChina, iihotele nendawo zokutyelela zikhala ibhungane.

Ilizwe laseAustralia lelinye lamazwe elinabatyeleli abaninzi abangena eChina, kuthwa sele berhoxise zonke ihambo zabo ezisinge eChina.

Utyelelo lungenisa ishumi lepesenti ekhulwini kwingxowa mali yelizwe laseChina ngonyaka. Kumakhasi onxibelelwano abemi beli loMzantsi Afrika eWuhan bathi abafumani ngcaciso ivakalayo kurhulumente weli malunga nokuthathwa kwabo eChina.