Ayangcwatywa amaxhoba engozi yakuCentane

ZIZA kufola zenze loo mboniso osika entliziyweni iibhokisi zamaxhoba engozi yebhasi yakuCentane, xa engcwatywa ngomso (uLwesihlanu) eChebe Junior Secondary kuCentane.

Iintsapho zamaxhoba zivumile ukuba inkonzo yomngcwabo iqhutyelwe ndawonye. Abaququzeleli bomngcwabo yiRoad Accident Fund isebenzisana noosomashishini babucala.

Abantu abaswelekayo kwingozi yebhasi yakwaAB350 eyehla eQolweni eNxaxhu ngomhla wesibini kule nyanga bangamashumi amabini anesithandathu. Ibikade ingamashumi amabini anesihlanu, kodwa ukhona umntu obhubhele eFrere eMonti ekuqaleni kwale veki.

INkulumbuso uOscar Mabuyane ngomnye kwabo baza kuzimasa umngcwabo.

“Ndiyafuna ke ukuniqinisekisa ukuba singurhulumente wabantu beli phondo siza kwenza konke okusemandleni ukuxhasa la makhaya agutyungelwe lilifu elimnyama. Kanjalo siza kuqinisekisa ukuba abo bangxwelerheke kula ngozi bayalulama kwaye bafumane inkxaso yokolulekwa ngokwasengqondweni.

“Siyathetha nayo neArhente yeendlela uRoad Accident Fund ukuba akhawulezise inkqubo yamabango wabo bonzakele kula ngozi. Le nto sifuna yenziwe ngobunono ingangenwa ngamagqwetha athanda ukuqhatha abantu bakuthi xa befake amabango kwaRAF.

“Namhlanje ndiyafuna ukubulela iinkosi nabantu baphaya kuCentane ngokwenza umsebenzi omkhulu ekuhlanguleni abantu kula ngozi. Yanga imiphefumlo yabo basishiyileyo ingaphumla ngoxolo,” utshilo uMabuyane.

Abakwa AB350 bakhuphe imbalelwano kwiveki ephelileyo belilisana neentsapho zabo baswelekileyo. Phakathi kwabo baswelekileyo ngumqhubi webhasi kwanonkosikazi wakhe owayekhwele ngomhla wengozi.