Ucela inkxaso ongenele ukuphiswano lukaMrs SA

Inkosikazi yakwaMzwakali ecela ukuxhaswa ngeevoti ithi sele lumvule ingqondo ukhuphiswano lukaMrs SA UMFANEKISO: THUNYELWE

“Ukuzalelwa kwam kwiilali apho kubanzima nokufumana ulwazi oluphangaleleyo lwezinto ezenzekayo kwanalapho kuye kuthiwe hayi into yokungenela oonobuhle yeyabantwana basezidolophini akukhange mna kundivingcele ekubeni ndingazivavanyi amandla kwaye ndingawalandeli amaphupho am okungenela ukhuphiswano lukaMrs South Afrika,” lowo ngu-Unathi Nomzabalazo Mzwakali,34, waseLower Ngqungqu eMqanduli ophakathi kwekhulu elinesine lamakhosikazi atshatileyo angenele ukhuphiswano luka Mrs SA.

UMzwakali wendele eNgqamakhwe ungumama kwintwazana zakhe ezimbini.

Encokola nephephandaba I’solezwe LesiXhosa uthi inani labangeneli kolukhuphiswano lisuka kumakhulu amathathu kwaye kungumangaliso kwanochulumankco ukuba abekweli akulo inani.

Uthi esakhula engekazimanyi ngeqhina lomtshato kudala wanqwenela ukungenela oonobuhle kodwa ngenxa yokuba wayengumntu onesiqu esikhulu nangona wayethe ncothu nje, kwaye ngalo maxesha kwakubanzima ukuba ungenele kwakusajongwa izinto ezinizni nezathi zamtyhafisa.

Uthi khange athandabuze ukubhaqa kwakhe olu ukhuphiswano kuba kuMrs SA akujongwa siqu kungajongwa bunjani bomntu koko kujongwa ukuchubeka komntu kwanohlobo anyathela ngalo.

UMzwakali uthi uthembele kuni bantu bephondo lakhe iMpuma Koloni ekubeni nimvotele kuFacebook kwikhasi lika Mrs SA azotsho akwazi ukungena kumagqibela kankqoyi xa kuzakube kushiyeka amashumi amabini anesihlanu ngomhla wamashumi amabini anesithandathu(26) kuJuni.

Uthi kulampela veki iphambi kolusuku lukhulu bazakuvavanywa bonke iintsuku ezimbini ze kushiyeke amashumi amabini anesihlanu abazakube bekwazile ukuphendula kwimibizo kwaye bakwazile nokukhawulelana nemicelimngeni abazakube beyinikiwe. Kodwa omnye kubo uzakuphumelela ngenxa yeevoti ezininzi azifumene ngenxa yeevoti zoluntu kufacebook.

UMzwakali kungoko ecela inkxaso kangangoko eluntwini ekubeni lumvotele kumfanekiso wakhe ngokuthi nicofe ubhontsi kumfanekiso wakhe okwikhasi elithi Mrs South Afrika wakugqiba uyishere.

Uthi olu khuphiswano sele lumfundise okuninzi.

”Sifundiswa ekubeni ukwazi ukuthetha esidlangalaleni kwaye ukwazi noyokuzicelela ngokwakho inkxaso koosomashishini.

Oku kukwandifundise ukuba ndizifune kwaye ndizazi ukuba ndingubani. Zininzi izakhono esinikwa zona kolu khuphiswano,” utshilo uMzwakali.

UMzwakali uthi oku kukwamfundise nexesha kuba ungumama otshatileyo onabantwana, umyeni kwakunye nosapho ekufuneka elukhathalele abe enawo nomsebenzi ongowowakhe kwakunye nalo athe wawongeza kaMrs SA. “ Oku kubonisa ubufazi ngaphakathi kum amandla endinawo. Akukho lula kodwa xa uzazi ukuba ebomini ufuna ntoni ude ungabuva nobunzima.