Ingena kuvuthondaba ngoku iNedbank Cup

UPitso Mosimane neqela lakhe baza kulwela impumelelo kwiNedbank Cup emva kokuphuma kwiCAF Champions League.

Ukhuphiswano leNedbank lingena kuvuthondaba ngoku, esona sigaba esinika umdla kakhulu!

Amaqela asibhozo aza kulwa kube mdaka iisali emidlalweni engempelaveki.

Umdlalo weNedbank Cup wokuqala uphakathi kwe Real Kings ne Bidvest Wits ngo-20:00 eSugar Ray Xulu Stadium ngoLwesihlanu.

IReal Kings, edlala kwiGladAfrica, iza kulandela ekhondweni leTS Galaxy ngokuthi izame ukoyisa iWits.

Nangona amaqela amancinane esokolisa – kodwa iBidvest Wits akulindelekanga ibethwe yiKings.

Amakhwenkwe kaGavin Hunt aya KwaZulu-Natal ekhuthazekile emva kokubetha iBlack Leopards ngo’1-0 emdlalweni we-Absa Premiership ekuqaleni kwale veki.

Njengokuba uHunt ephoswe zezinye iindebe, uza kutyhala abadlali bakhe ngoba ukuphumelela iNedbank Cup kungambuyisela kwimidlalo ye CAF ukuba iqela lakhe alikwazi ukuba phakathi kwamaqela amathathu aphambili xa kusongwa isizini yePSL.

Abalandeli bebhola ekhatywayo baseLimpopo baza kubukela idabi lobukhaya eliphakathi kwe Baroka FC ne Leopards ngo-15:00, ePeter Mokaba Stadium, ngoMgqibelo.

Omabini amaqela asecicini lokuthotyiselwa ezantsi.

Into ebenokuyithanda kukulwela ukusinda ezembeni – kodwa iNedbank Cup iza kuwanika ithuba lokulola izikrweqe eziza kuwanceda xa esilwa emidlalweni ye-Absa Premiership.

Ngomgqibelo ngo-18:00, iHighlands Park iza kudibana neMamelodi Sundowns emdlalweni ekuza kudlan’ iintsimbi kuwo eMakhulong Stadium.

UPitso Mosimane uyayifuna iNedbank Cup – kanti naye * -Owen Da Gama ufuna ukuqhuba kakuhle kuyo emva kokubethwa ekugqibeleni kwiMTN 8 kunyaka ophelileyo.

Emva kokukhutshwa kwiCAF Champions League kutshanje yi-Al Ahly, uPitso uza kuya eThembisa namajoni wakhe afana nooThemba Zwane, uHlompo Kekana, Gaston Sirino noSibusiso Vilakazi abebengekho ngethuba iDowns ibetha iVaal University ngo’2-0 emdlalweni ogqithileyo.

Akululanga nakweliphi na iqela ukudlalela eMakhulong ngoba yindawo ewavingcela kuyo amaqela.

Ngentsimbi yesithathu ngeCawe, iBloemfontein Celtic indwendwela iTS Sporting emdlalweni wokugqibela ngempelaveki eMbombela Stadium.

Yaqhuba kakuhle iSporting ngethuba ibetha iHappy Wanderers ngo’4-3 emdlalweni ogqithileyo.

Kodwa kwesisigaba kofuneka inyuse ikawusi idlale ngokukhulu ukuzimisela ukuba ifuna ukubetha iPhunya Selesele ethe yothusa umzi ngokubetha iMaritzburg United ngo’3-2 emdlalweni ongaphambili.