Bakhahlela kuMthombo, iqhawe loqoqosho lwaselokishini

NOXA nje ebeqhuba ushishino, ibiyinto ehlala isemdleni kuye into yokuphuhlisa abantu bendawo ashishina kuyo.

Oku uMthombo Nkula (54), obhubhe kwiveki ephelileyo ngenxa yomhlaza, ebehlala ekuthetha rhoqo xa efumene iqonga.

Iindaba zokubhubha kwalo somashishini, umnini weMthombo’s Palace yakwaN.U. 7 eMdantsane, zishiye uninzi lungothukanga nje, koko abanye bekhumbula imisebenzi yalo somashishini kuluntu lwaseMdantsane.

UMthombo Nkula, ophethe isatifikethi, ekunye nezihandiba zoburhulumente bephondo kumsitho owawubanjelwe eMonti ngo2018 UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

UMphathiswa woPhuhliso loQoqosho, iMicimbi yezeNdalo nezoKhenketho eMpuma Koloni, uMlungisi Mvoko, uchaze uNkula njengovulindlela kasomashishini odlale indima evisayo kuqoqosho lwaselokishini.

“Ukwazile ukukhokelisa umbono wakhe esebenzisa indawo yakhe ethandwa kunene eMdantsane, apho [iinjongo] ibikukusebenzisa ifuthe lakhe ukuze adale amathuba engqesho kubantu baseMdantsane neendawo ezingqongileyo,” utshilo Mvoko.

Kwinqaku elipapashwe liphephandaba I’solezwe lesiXhosa ngo2018 emva kokufumana iwonga lephondo leLilizela, kwicandelo lenkcubeko nesitayile, uNkula wathi: “Ndivule ngonyaka ka2015, kodwa kwakulo nyaka kweza isikhululo sikamabonakude iMTV Base sifuna ukuqhubela inkqubo yaso yokuqaqambisa iilokishi. Ukusukela oko andizange ndiphinde ndijonge emva.”

Kwimbalelwano usapho lumchaze uNkula njengodlale indima engenambaliso kuqoqosho lwaselokishini, efunqula abangaphangeliyo kwintswelongqesho.

UNkula uza kungcwatyelwa kumadlaka osapho kwilali yaseQhukru, kwinkonzo yabucala eza kuzinyaswa kuphela ngamalungu osapho kwakunye nabakwaLizwi.

Isigaba sesibini somngcwabo, siza kube sivulelekile kuluntu, koosomashishini, abezopolitiki kwakunye nemibutho yasekuhlaleni, kwaye siza kubanjwa ngoLwesihlanu (19 kweyeNkanga) eWisile (SN Nondlwana Society) kwaN.U. 8 eMdantsane ukusukela ngentsimbi yesithoba kusasa.