Kufunyenwe ibhinqa eligwintiweyo kwindlu yangasese

Crime scene

AMAPOLISA aseMaclear anqakule umrhanelwa oneminyaka engama55 emva kokufumaneka komzimba webhingqa elinama27 eminyaka ubudala.

Ngokwengxelo kaCaptain Ursula Roelofse, kuvakala ukuba ixhoba belizonwabele neetshomi zalo kwindawo yentselo kuLwesihlanu weveki ephelileyo ngethuba linyamalala.

Malunga nentsimbi yeshumi kobo busuku, isihlobo sexhoba siye saqaphela ukuba umhlobo waso unyamalele, kwaye kurhaneleka ukuba umke nendoda abe besela nayo.

Esi sihlobo sixhalabileyo siye sabikela amapolisa ngoMvulo wale veki ngesi sehlo.

“Malunga nentsimbi yesine ekutshoneni kwelanga laloo mini, amapolisa aye anqakula umrhanelwa kwindawo yaseTV Park eMaclear.

“Xa kuphandwa, amapolisa aye afumana umzimba wexhoba nobunqunqwe phakathi ngesarha, ufakwe phakathi kwindlu yangasese,” kubika uCaptain Roelofse.

URoelofse uthi uphando lusaqhuba, kwaye umrhanelwa oselugcinweni lamapolisa uza kuvela enkundleni yaseMaclear namhlanje ngamatyala amabini, elokubulala nelokudlwengula.

OBambele njengoMkomishinala weSithili, uBrigadier Rudolph Adolph uvakalise umothuko ngesi sehlo.

Uncome abakwantsasana ngokusabela msinyane kwesi sehlo, banqakule umrhanelwa ngokukhawuleza.