UNtubeni akazokuqala kwiSuper Rugby

Iingxaki ezambethe iStormers ziyakhula mihla le, ingakumbi nje ngokuba sele kusondele ukuqala kwesizini yeSuper Rugby ka2016.

Ezintsha ngoku zezokuba eli qela, alonwabanga kwaye kukho amathandabuzo mayela nomdlali ogabangxayo, uScarra Ntubeni.

UNtubeni, usajongene nomenzakalo wakhe kwisihlunu somlenze, kwaye le nto ingambangela ukuba angakwazi ukudlala kumdlalo wabo wokuvula weSuper Rugby, xa bedlala kunye neBulls, eNewlands. Lo mdlalo uzakube ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kuFerbruwari.

Ngokukhangeleka kwezinto, ukuba uNtubeni akade akulungele ukudlala, uBongi Mbonambi izakuba nguye ozakudlala kwindawo yakhe. Umdlali weSpringbok Sevens, uMichael Willemse naye uzakube eyinxalenye yeli qela.

UNtubeni ayinguye yedwa ongazubakho xa iStormers sivula isizini.

UDamian de Allende, uzakuphoswa sisigaba sokuqala sale sizini ngenxa yomenzakalo anawo emlenzeni.

Eli qela laseNtshona Koloni, nelisandula kufumana umqeqeshi omtsha khange liqhube kakuhle kwisizini ephelileyo yeSuper Rugby. Ukuhamba kuka-Allister Coetzee kunye kwabonakala nakwiCurrie Cup, khange iqhube kakuhle iStormers.

Le nto izakumxakekisa, uRobbie Fleck nosabambeyo, kuba akayazi ukuba angadibanisa abaphi abadlali.