Ingakwazi na iChiefs ukulibazisa iMamelodi Sundowns?

Amakhosi, awayefudula eziinkunzi ebholeni yaseMzantsi Afrika, angazibhaqa enika iMamelodi Sundowns imbeko enikwa iintshatsheli ziidyongo emdlalweni ongoLwesine kule veki. Oku kungenzeka emdlalweni weDStv Premiership oza kube uphakathi kweKaizer Chiefs neMamelodi Sundowns ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya eFNB Stadium. Kulindeleke umdlalo onomtsalane ngoba omabini amaqela ancwase ukuzuza. Iqela elidlalela ekhaya, iChiefs, likhangela amanqaku amathathu ukuze linyukele phezulu kwiDStv Premiership.

Kanti yona iSundowns ifuna amanqaku amathathu ukuze ithathele kuyo indebe ityeli lesixhenxe. Ukuba iqela lasePitoli liphumelele, liza kubhengezwa njengeentshatsheli zeDStv Premiership ngokusesikweni nangona lisenemidlalo elingekayidlali. Umbuzo: ingakwazi na iChiefs ukulibazisa iSundowns? Lo ngumbuzo ekufanelwe uphendulwe yiChiefs ezimisele ukulwela amanqaku amathathu ebaleni layo. Ngaphezulu, iza kulwela ukuba ingahlazwa kabini yiSundowns emidlalweni yeDStv Premiership.

Okuhle ngeChiefs kukuba iya emdlalweni wale veki ikhuthazekile emva kokubetha iSuperSport United ngamagowuli amabini kwelinye. Kodwa ngelishwa layo, iza kudibana neSundowns enomsindo emva kokuba ikhutshwe yiEsperance de Tunis kwiCAF Champions League kwiveki ephelileyo ePitoli. Nangona iChiefs isiya emdlalweni ngaphandle kwabadlali abaliqela ngenxa yokonzakala – kodwa uCavin Johnson uthi iqela lakhe liza kudlalela ukuphumelela yonke imidlalo ezayo. Ukuthethe oku phambi komdlalo omkhulu eFNB Stadium ngorhatya ngomso.

“Ngumdlalo omkhulu kuthi futhi useFNB Stadium emva kokubetha iSuperSport. Sizimisele ukulwela impumelelo ngoba sifuna ukuvala isizini ngendlela encumisayo,” utshilo uJohnson ethetha neentatheli eGoli. Ukuze iChiefs iqinisekise indawo yayo kwiTop 8, kunyanzelekile ukuba ifumane amanqaku kuyo yonke imidlalo eshiyekileyo. “Nokuba ngowuphi umdlalo esiza kujongana nawo ngoku, siwuthatha ngoba ngowamanqam. Sinabadlali abangekhoyo abaquka uKeagan Dolly, Itumeleng Khune, uTebogo Potsane, uGeorge Matlou noNkosingiphile Ngcobo ongekaphili ncam,” utshilo umqeqeshi.