Umlo ophakathi kukaRulani noSead ungaphelela enkundleni

Umlo ophakathi kwabaqeqeshi ababini kungenzeka uphelele enkundleni ukuba akukho ongena phakathi kwabo abanqande. Iqelal likaSead Ramovic, iTS Galaxy, lithembisa ngokusa uRulani Mokwena neMamelodi Sundowns enkundleni ukuba akaxolisi ezintsukwini ezintathu ukusukela ngomhla womdlalo. Emva kokuba iSundowns ibethe iTS Galaxy ngo’3-0 emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eLoftus Stadium, uRulani utyhole uRamovic ngokukhuthaza ukuba kukhatywe uBongani Zungu.

Ekuqaleni kwesizini esongwayo, uBernard Parker, wakhatywa wophuka shwaqa ithambo lomlenze nguZungu. Kwathethwa kakhulu ngeso sehlo ngoba uZungu zange axolise okanye azisole emdlalweni nakubeni kuthiwa walicela uxolo kuParker ngomnxeba. Emdlalweni obusekuqaleni kwale veki, uParker udlale okokuqala ukusukela kunyaka ophelileyo. UZungu khange awugqibe umdlalo emva kokuba enyathelwe ngumdlali weTS Galaxy, u’Orebotse Mongae, oye wanikwa ikhadi elibomvu ngusompempe.

Emva komdlalo, uRulani uvakalise ukuphoxeka kwakhe ngento eyenzeke emdlalini wakhe athe yinto ebicwangcisiweyo. “Indishiye ndiphoxekile indlela akhatywe ngayo uBongani Zungu. Ndivile ukuba umqeqeshi ubonise abadlali ividiyo kaZungu esonzakalisa uParker emva koko wathi bangayilibali into eyenziwa nguZungu,” utshilo uMokwena emva komdlalo. Ikhuphe ingxelo ebhaliweyo iTS Galaxy ethi uRulani makaveze ubungqina besityholo asibeke uSead Ramavic zingaphelanga iintsuku ezintathu, kungenjalo, uza kuvulelwa ityala enkundleni.

“Okuthethwe ngumqeqeshi weMamelodi Sundowns, Rulani Mokwena, akuyiphathanga kakuhle iTS Galaxy. Utyhole umqeqeshi ngokuphembelela ukonzakaliswa kukaBongani Zungu. UMokwena uthethe ubuxoki futhi into ayithethileyo ilihlazo ebholeni nakwiqela lakhe. Ukuba uqinisekile ngobuxoki bakhe, sicela aveze ubungqina bezityholo zakhe zingaphelanga iiyure ezingamashumi amabini anesine,” itshilo ingxelo. Emva koko iTS Galaxy ithumele incwadi ebhaliweyo kwiSundowns ethi uMokwena makarhoxise izinto azithethileyo esidlangalaleni, kungenjalo, uza kujongana nengalo yomthetho.