Kubanjwe uMfundisi odlwengule umntwana wakhe!

KUBANJWE uMfundisi webandla elithile ngamapolisa aseLibode emva kokufunyanwa ukuba udlwengile umntwana wakhe.


Ingxelo ephuma kwiSithethi samaPolisa kula mmandla uKapteni uDineo Koena, ithi umrhanelwa ubhaqiwe ukuba ubemane edlwengula kwintombi yakhe eneshumi elinesibhozo ubudala kwikhaya labo.

Ingxelo ithi oku kudala kusenzeka kuba kuqale ngonyaka ka2015. 

NgoLwesine uvelile kwinkundla yamatyala eLibode, nalapho angakhange ayinikwe ibheyile.

Ityala lakhe belimiselwe uLwesihlanu, womhla wesixhenxe.


Obambele njengeNkumanda eMthatha uBrigadiya Nowawethu Makonza, ucebise umcuphi wetyala esithi angakhe ayifumane ibheyile uMfundisi, esithi ukuyinikwa kwakhe angathi aphazamise amangqina etyala.

UBrigadiya Makonza ukwathe, eli lityala elibuthathaka kwaye ixhoba linelungelo lokhuseleko.


Kusenjalo, kwilali yaseMampingeni eLibode kubanjwe indoda enamashumi amabini anesithathu ubudala emva kokuba idlwengule intwazana eneminyaka esixhenxe. 


Oku kwenzeke ngomhla wesihlanu kule nyanga. 


Umrhanelwa ungumakhelwane kwixhoba.


UKoena uthi ixhoba lidlwengulwe libukele umabonakude. 

Umrhanelwa uza kuvela kwinkundla yamatyala eLibode kungekudala.