Wadlwengulelwa umntwana kwisikolo sabakhubazekileyo

Inkosikazi yakuKomani ilibalisa ikhale ibali lokudlwengulwa komntwana wayo oyintombazana, nowadlwengulwa ngamakhwenkwe amabini kwisikolo iMasibambane Home for the Disabled Children eDebe Nek eQonce nyakenye.

Lo mntwana okhubazeke ngengqondo ethatha kade, wayeneminyaka elishumi ngethuba kusenzeka esi sehlo esikolweni. Oogqirha ababehlola le ntombazana, babhengeza ukuba le ntombazana yadlwengulwa kwilungu lobuntombi kwanelo langemva (elincedisa xa ubani ezithuma).

Ngenxa yenkubazeko yabo abafundi besi sikolo, bebelala kwalapha – amantombazana elala odwa, namakhwenkwe elala odwa.

Le nkosikazi, esingenakuyichaza ngegama ngokukhusela isidima sexhoba, ithi yaqala yakrokra xa ibona umntwana echama qho.

“Wayechama ngendlela engaqhelekanga. Ndade ndagqiba kwelokuba ndimbuze ukuba akukho ngxaki kusini na kuye. Ndambuza ukuba ngubani obembambe kwilungu lobuntombi, wandixelela ukuba ubanjwe ngamakhwenkwe amabini esikolweni,” kutsho le nkosikazi.

“Xa ndimbuza ukuba akukho mntu okhe wamlala na, wandixelela ukuba ebelalwa ngamakhwenkwe amabini. Emva kokuba endixelele le nto yandothusayo, ndamsa kwindawo yabantu abaxhatshaziweyo kuKomani, apho kwafumaniseka ukuba umntwana udlwengulwe kwilungu lobuntombi nakwelo langemva (elokuzithuma),” itshilo le nkosikazi.

Ithi yatsalela umnxeba inqununu yesikolo, uKholeka Songwiqi, yabika esi sekho. “Yabangathi izakuyihoya le nyewe inqununu kodwa oko ndandilindile kude kwaphela unyaka. Ngenxa yomsindo, nokoyikisela ubomi bomntwana wam ndagqiba kwelokuba ndimtshintshe kwesi sikolo, ndamsa eRhawutini,” kutsho le nkosikazi.

Le nkosikazi, ethi ayizange ivule tyala emapoliseni, ithi imsile umntwana kwiindawo zothuthuzelo lomphefumlo kodwa le nto ihlala ifike, kuyo nakumntwana.

“Le nto yamchaphazela kakhulu umntwana wam, kangangokuba wagqiba inyanga engadlali nabanye.”

USongwiqi uvumile ukuba uyasazi esi sehlo.

“Saye sababiza abazali babantwana, sabaxelela ukuba abantwana babo badlwengule. Nalamakhwenkwe avuma ukuba alele nomntwana, besithi ibisisinqandamathe sabo. Emva kwenkqubo yethu yangaphakathi, sagqiba kwelokuba sibagxothe ababantwana babini esikolweni,” utshilo uSongwiqi.

USongwiqi uthi enye kula makhwenkwe ineminyaka elishumi elinanye logama enye ineminyaka elishumi elinesithathu. Le nqununu ithi yazama ukunxulumana nomama wexhoba lodlwengulo, “kodwa, ndiyabona ukuba wayesele ekhalele”.

USongwiqi uthi bawenzile amatiletile ukuqinisa ukhuseleko, ngokuthi baqashe abanikezi-ncedo abangamadoda ukunqanda isehlo esifana nesi sehlela le ntombazana.