Amageza acela ukwangiwa ngabafundi ababhinqileyo eFort Hare

ABAFUNDI ababhinqileyo beYunivesithi iFort Hare abahlala kwisitalato iJameson eQuigney, bathi baziva bengakhuselekanga nanjengoko bebanga ngelokuba bangenelwa ngamadoda agula ngengqondo acele ukugonwa okanye ukwangiwa ngaba bafundi.

Bathi oku kungenxa yokhuseleko oluyekeyeke kwindawo abahlala kuyo, abathi kudala bekhalaza malunga nayo kodwa ngaphandle kokuhoyeka.

Kutshanje aba bafundi babambe uqhankqalazo phambi kwezakhiwo zase-5 Strand eQuigney, apho kusebenzela khona abanini bendawo abahlala kuyo eUFH Legends.

“Ukusukela kunyaka ophelileyo, kukho izinto esasizicelile kodwa azide zenzeke. Into eyenzekayo siyathenjiswa kuphela. Sifuna iWiFi, ukuze sifunde kakuhle, kuba sihlawula imali eninzi yendawo yokuhlala,” kutsho umfundi ochaphazelekileyo uLikhona Mditshwa.

Emva koqhankqalazo, abafundi baye bawanikwa amakhadi okungena esangweni lendawo abahlala kuyo, into ebebekade bengenayo.

Enye into ethe yalungiswa emva kolu qhankqalazo kukonyuswa kwenani loonogada, nanjengoko bebathathu ebusuku ze babebabini emini.

“Kunyaka ophelileyo, sanyanzeleka ukuba sithwale oomatrasi abadala sibase e-5 Strand phambi kokuba batshintshwe. Ngoku sibanike de kubengomso (Lwesihlanu) ukuze baphendule,” kutsho uMditshwa.

UMditshwa uthi bavele babone sele kungena amadoda, udonga lweyadi alukhuselekanga.

“Kwenye impelaveki singenelwe ngamadoda amabini, omnye akaphilanga ngengqondo, wacela ukugonwa sithi. Ngamanye amaxesha sivele sibone sikrotywa ngamadoda kuba akukho cingo oluhlabayo lokwenza ukhuseleko kumadonga eendawo esihlala kuzo.”

Kwimbalelwano ayikhuphe kutshanje, ingqonyela yaseFort Hare uNjingalwazi Sakhela Buhlungu uthe ukhuseleko lwabafundi bale yunivesithi yinto ethathelwe ingqalelo emandla ngabaphathi beli zikomfundo.