Umtshutshisi wombuso kwidolophu yaseTinarha ubanjwe ngamapolisa emva kwezityholo zobuqhophololo, kulandela ukucela isinyobo kwindoda ebanjiweyo ethembisa ngokucima ityala layo.
UThozama Takane (45) ubanjwe libutho eliphanda ngamatyala obuqhophololo looKhetshe (Hawks) kwiveki ephelileyo.
“Amalungu ethu athelwe thsuphe ngolwazi lokuba lo mtshutshisi ebefuna isinyobo kwindoda ebibanjwe ngetyala lokonzakalisa. UTakane kurhaneleka ukuba uthembise ngelokuba uza kulicima ityala ukuba nje uhlawulwe le mali,” kutsho isithethi sooKhetshe eMpuma Koloni uKapteni Anelisa Feni.
Le ndoda ebibanjiwe ibike esi sinyobo emapoliseni, ze ibutho looKhetshe layokumbambela enkundleni lo mtshutshisi emva kokuba efumene esi sinyobo semali engachazwanga.
Lo mtshutshisi ukhutshwe ngebheyile yamawaka amahlanu eerandi, uza kuphinda avele enkundleni ngomhla weshumi elinesithandathu kule nyanga.
IBig Brother Mzansi iza kuqala ngoJanuwari