Matanzima: UThixo simqumbisile

Abahlali kunye neenkokeli zamabandla bedibene kwinkonzo yokuthandazela uzinzo noxolo kwidolophu yaseMthatha UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

OBESAKUBA nguSihlalo weNdlu yeeNkokeli zeMveli eMpuma Koloni uNkosi Ngangomhlaba Matanzima uthi izinto ezimbi ezenzeka kuluntu zenzeka ngenxa yokuba abantu bamqumbisile uThixo.

UMatanzima ukuthethe oku kumsitho womthandazo obubanjelwe kwiholo yesixeko saseMthatha, nobuququzelelwe ngumbutho wokukhuthaza izimilo iMoral Regeneration Movement ekhokelwa nguMatanzima kweli phondo leMpuma Koloni.

“Namhlanje kubulawa kwabantu, baxhelwe batyiwe. Namhlanje kubulawa iimveku nabafazi. Iintsapho ziyachithakala, amakhaya akanazinkokeli ngenxa yokubaleka uxanduva. Ithi indoda yakubhubha, usapho lwayo lushiyeke kuhlekiswa ngalo – kodwa akhona amadoda ekhaya.”

“UThixo simqumbisile, akanakusinceda nganto. Masiguqe phambi kwakhe sicele uxolo. Sinabantwana ekuthiwa basezitalatweni, into esingazange sayenza ngaphambili.

“Ezicaweni kugquba iyantlukwano nengxubevange. Iicawe ezikhoyo zineemfundiso ezingakhiyo, umzekelo le cawe yaseNgcobo ebigcine izikrelemnqa,” utshilo uMatanzima.

UBhishophu wamaTshetshi kwidayosisi yaseMthatha uBhishophu Nkosinathi Charles Ndwandwe ebeyinxalenye nalo mthandazo. “Umntu onokulungisa isimilo somntu nguThixo. Konakele kwiindawo esihlala kuzo, abantu balahlekelwe bubuntu. Konakele nkqu nasecaweni, yiyo le nto ndisithi isimilo somntu sakulungiswa nguThixo,” kutsho uNdwandwe.

UMatanzima uthi lo mthandazo, obanjwa rhoqo ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kuTshazimpuzi, uza kunaba uye nakwezinye iingingqi zeli leMpuma Koloni ukuze kuthandazelwe uxolo, “ukuze sime phambi kukaThixo, sicele uxolo nongenelelo kwiingxaki ezisongameleyo”.

Abo bebethandaza bakwabeke phambili uzinzo kwishishini leeteksi eMthatha kuquka nozinzo kurhulumente.