Ubugqolo ngezesiNtu

Kwiphepha lokuqala kweli lanamhlanje ulibambileyo sinomtshato wesiXhosa wabelungu owaqhutywa kula mpelaveki yesithathu kwekaTshazimpuzi.

Sabona imifanekiso ijikeleza kumnatha wonxibelelwano saqonda ukuba noko ziindaba ezi; ingakumbi xa sibona abantu bakuthi bekhwela bezehlela kulo mbono. Bambi besithi kubiwa inkcubeko yamaXhosa. Bambi besithi abelungu mabohlukane nezinto zesiNtu.

Sothuke mpela xa neengcali, okanye abantu ebesicinga ukuba baziingcali zesiNtu, bewukhaba nabo lo mtshato. NgoLwesine weveki ephelileyo siye sayokukroba nomnye umcimbi wenkolo yesiNtu nobuKrestu.

Nalapho siphume sibutyhafa zezi ngcali sithi zezesiNtu. Ingathi apha kwizinto zesiNtu akwamkelwa kwanto.

Umzekelo kule yenkolo yobuKrestu; siyazi ukuba maninzi amagqobhoka akuthi aguqukelele kwinkolo yobuKrestu. Iicawe zigcwala zithi qhu qho ngeCawe ngamaKrestu antsundu. Kwala maKrestu ayakwazi ukuqhuba amasiko nezithethe zabo xa benemicimbi.

Ingathi inkolo le yesiNtu izama ukuzibulala ngokwayo; bagxeka amagqirha, bagxeka iibhayibhile, bagxeka abelungu abazama ukulandela amasiko nezithethe zethu.

Kugxekwa wonke nje umntu. Ingxaki ikhona. Sikhe sipapashe iingxelo zabelungu abahamba bayokoluka esuthwini namanye amaXhosa. Nalapho bayagxekwa. Kude kuthiwe xa abelungu besenza amasiko ethu, zube besenzela uphandosifundo qha.

Baza kuhamba bayokubhala ngamava abo, benze imali ngamasiko ethu. Ngelo xesha kunini olukela ezibhedlele awamaXhosa amakhwenkwe? Kunini batshata imitshato yabelungu – abade bathi ziiWhite Wedding – aba bakuthi?

Kunini kwabolekwa kwiinkolo neelwimi zabanye abantu?

Ukuba iingcali zesiNtu zikhaba kwanto ngekhe zilumkele ukuzibona sekungekho mntu ulandela isiNtu soontamolukhuni abasoloko becalucalula bengafuni bantu kwizinto zabo.

Iintaka zakuhlala zisakha ngoboya bezinye. Njengokuba singena kwinyanga yama-Afrika, siyathemba ukuba sakuhlala sifundisa nabanye ngezinto zethu.