Umakoti womlungu utyiswe utsiki!

USinovuyo Stanton esitya inyama esuka ebuhlanti, komnye umfanekiso nguye nomyeni wakhe uByron

UMAKOTI womlungu waseMonti uCandice “Sinovuyo” Stanton utye umkhono wegusha katsiki ze emva koko kwasilwa umqombothi, kwaxhelwa nenkomo, ngethuba yena noByron bebetshatela eNkwenkwezi Private Game Reserve eChintsa kutshanje.

Umtshato kaByron noSinovuyo, igama lomzi likaCandice, utsale umdla kubantu abakufutshane nalo myezo wezilwanyana, kuba uqhutywe ncakasana ngokufanayo nomendo wesiNtu. Into etsale umdla kukuba bekutshata abelungu.

Esi sibini sithandane iminyaka emithathu phambi kokuba sigqibe kwelokutshata ngesiNtu.

Utata kaByron uGraham “Nondetye” Stanton, ongomnye wabanini beNkwenkwezi, uthi uneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu eqhuba ushishino kulo myezo waseNkwenkwezi, kwaye akawuvali umlomo yinkxaso ayifumene kubahlali bale ndawo.

UNondetye uthi ukwenza lo mtshato, luphawu lokuhlonipha indlela aphila ngayo amaXhosa, hayi ukuzithengisa ezizweni.

“Ukufika kwam apha, ndaphiwa igama lokuba ndinguNondetye. Yiyo le nto ndibone ukuba xa kutshata unyana wam wokugqibela, mandenze umtshato lo wenziwa ngaba bantu bandingqongileyo. Abantu balapha bandithanda kakhulu,” utshilo uNondetye, ethetha ngesiXhosa.

Obephethe inkqubo ngosuku lalo mtshato uMjongile Gogela uthi phambi komhla womtshato, kwenziwa utsiki.

“Umakoti watya umkhono wakhe wegusha ze ngosuku olulandelayo waxhelelwa inkomo, engumfuziselo wokuba angangena kwiindawo ekungangeni kuzo abatshakazi bomzi wakwaStanton. Emva koko saqhuba iduli. Ngumtshato obumkhulu kakhulu, kusilwe nomqombothi, abantu bonwabile,” utshilo uGogela.

UGogela uthi uNondetye ngumntu othanda abantu. “UNondetye ngumlungu ohlala nabantu abamnyama, uthi ufuna ukuphila le nto iphilwa ngabantu. Sikhula naye lo tata, ngoko ke simthatha njengomnye wethu,” utshilo.

Noxa nje bebebhiyoza abantu abamnyama kulo mtshato, iingcaphephe zemiba yesiNtu ziyakukhaba ukutshata ngesiNtu kwesi sibini.

“Uluntu nesiNtu zizinto ezayamene noNtu. UNtu ke ngulo uyinzalamzi yabantu. Xa ndithi abantu, andixeli le nto ithi ‘People’ ngesilungu. Le nkqubo yenziwe sesi sibini (sakwaStanton) isengasingcatsha kuba iingangayivezi le nto inyanisileyo ngathi,” kutsho uLoyiso Nqevu, ingcaphephe kwimiba yesiNtu.

Yena uGqirha Nokuzola Mndende weCamagu Institute uthi lo mtshato wesi sibini sakwaStanton ufana “nokuthengiswa ngamasiko esiNtu”.

“Kutheni la mtshato bengawenzanga ngesiMuslim ngokomzekelo? Lo mtshato wabo ujongela phantsi isizwe samaXhosa, phofu ikroba balinikwa kwasithi maXhosa,” utshilo uMndende.

UNondetye uthi wazalelwa eCorhana eMthatha, ekhula ecaleni kosomashishini uSisa Ngebulana.

Uthi sokuze abulibale ububele babantu beelali ezifana neNgxingxolo, ezikufuphi naseNkwenkwezi.

UByron noSinovuyo bebengekho ngethuba sifuna ukuba baphefumle ngomtshato wabo.