Ucela iivoti zenu unozinti weBaroka FC

Oscarine Masuluke of Baroka FC during the Absa Premiership 2016/17 match between Polokwane City and Baroka FC at Peter Mokaba Stadium, South Africa on 04 March 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Unozinti weBaroka FC, u-Oscarine Masuluke, ucela abantu bavotele igowuli akhuphisana ngalo kwiPuskas Awards. Eli gowuli lodumo walifaka kwimizuzu yokugqibela  xeshokweni iBaroka yayidlala ne-Orlando Pirates kumdlalo wePSL ngomhla ngo-2016, ePeter Mokaba Stadium. Ngoku kukho ukhuphiswano lamagowuli elenziwa yiFIFA – apho kukhethwa elona libalaseleyo ukusukela kwinyanga yeDwarha 2016 ukuyoma kweYekhala 2017 kumhlaba wonke kwaye kuphumelela umdlali onelona gowuli elihle.

Kokwesibini umdlali weli lizwe odlala kwi-Absa Premiership echongwa kwezi mbasa; kunyaka ophelileyo uHlompho Kekana weMamelodi Sundowns naye wachongwa negowuli lakhe awalifaka ngo-2015 ngethuba iBafana Bafana idlala neCameroon kumdlalo ohlakulela i-Africa Cup of Nations. UMasuluke ukuluhlu lwabadlali abalishumi abachongiweyo abanye abadlali akhuphisana nabo baquka umdlali waseGhana, uKevin-Prince Boateng (Spain), u-Olivier Giroud (Arsenal), Mario Mandzukic (Juventas) noNemanja Matic (Chelsea).

Ukuze abe uyaphumelela okanye adlulele kwisigaba esilandelayo uMasuluke; abathandi bebhola bangamvotela ngokundwendwela apha: www.fifa.com bajonge igama lakhe ze bacofe uVOTE. Kule nyanga iFIFA izakubhengeza abadlali abathathu abahamba phambili ngokwevoti ukuze badlulele kwinqanaba elilandelayo. Uvoto lwesibini luzakuqala ngala mini kubhengezwe ngayo abathathu abaphume phambili ize ivalwe ngomhla womsitho (23 October). Ophumeleleyo uzakubhengezwa kumsitho ngoMvulo, umhla we-23 kweYedwarha, kwisixeko esikhulu iLondon, eNgilane.