Kutshiswa iibhasi kuqhankqalazo loonoteksi eKapa

Ibhasi enguMyCiti isitsha kuhola wendlele iN2 eKapa Umfanekiso: Bhekizizwe Radebe

Kapa: Lunqunyanyanyisiwe uqhankqalazo loonoteksi. Oku kuza emva kweengxoxo nesivumelwano sokuba konyulwe ijaji edla umhlalaphantsi ukuba iqwalasela iingxaki eziphakathi kwesebe lezoThutho eNtshona Koloni kunye nemibutho yeeTeksi. Le jaji iyakuthi yenze iziphakamiso zesisombululo.

Oku kudizwe ngusihlalo weCongress of Democratic Taxi Association (CODETA) ephondweni, uVusumzi Lenox Miselo, emva kwentlanganiso nomphathiswa wezoThutho, uDonald Grant.

“Sivumelene ukuba isebe likhangele ijaji edla umhlalaphantsi iqwalasele lo mcimbi kwisithuba seeveki ezimbini ezizayo. Silindele ukuba le jaji isinike ingxelo. Ngomhla weshumi elinesihlanu kweyeNkanga (Novemba) sifuna ukubamba inkomfa yolonyulo!” kutsho uMiselo.

Baqikelelwa kumashumi amahlanu (50) abantu abathe bonzakala ngethuba kubethwa izithuthi nooduladula ezindleleni kwiilokishi zeKapa xeshikweni kuqhankqalaza abaqhubi beeteksi. Isibini, esiquka nowasetyhini okhulelweyo, sonzakele kakhulu kwaye baleqiselwe esibhedlele. Izigadla eziliqela ezithutha ukutya zibe ngamaxhoba okuxulutywa ngamatye; ingakumbi kwingingqi yaseNyanga nasePhillippi.

Abantu basokole iindlela zokuya emisebenzi ngenxa yale migushuzo ethe yenzeka nanjengoko ooduladula bakaMyCiti bebengakhwelisi bantu. UGolden Arrow naye unqumamisa abakhe emva kokutshiswa koduladula. Abo bakwazileyo ukuya emisebenzini bebenexhala lokuba bayakubuya njani.

Nangona kukubi kunje namhlanje uMiselo akavumanga kwaphela ukuba ubundlobongela obu boyamene noqhankqalazo lwabo.

“Asinakuthatha uxanduva lwento esingakhange sithume bantu ukuba bayenze; thina besikhuphe isilumkiso kwangoLwesihlanu ukuba iteksi azizokukhwelisa bantu; abakhweli mabazame ezinye indlela zokuhamba. Asikhange siyalele mntu ukuba abethe okanye atshise ezinye izithuthi!”

Oonoteksi bakwatyhola isebe lezoThutho neMisebenzi yoLuntu ngokuba ngumqobo kwinkomfa yolonyulo yabo.