Umbumbi waseGcuwa uzenzela igama

USimphiwe esenza umsebenzi wakhe

Xa ungumntu odalelwe ubugcisa, ubudalelwe ke nokuba unganqumama iminyaka awulibali olwathando nalantshisakalo yokuzibona sele uzoba okanye wenze into ekhawulezileyo onokuyiqingqa ngomzuzu.

Oku kudizwa nguSimphiwe Mbunyuza (28) welali yaseMambendeni eGcuwa ongumbumbi eNtshona Koloni. UMbunyuza uthi yaqala kancinci esekumabanga aphantsi kwisikolo iCaley eGcuwa nalapho ikhondo lakhe labonwa ngutitshalakazi wakhe wesiNgesi ambhaqe ngokumane yena netshomi ezine bezoba ngexesha lokuhlohlwa kwesiNgesi.

“Ukuphuma kwam eCaley J.S.S ndiye eMsobomvu High ndalahlekana nokuzoba. Kodwa ekhaya xa ndibuya esikolweni endaweni yokwenza umsebenzi ebesiwunikwa esikolweni ukuba sifike siwenze, mna bendiqalisa imizobo yam,” utsho uMbunyuza. Uthi uthe akufika kwiYunivesithi iWalter Sisulu eMonti waqalisa phantsi kumsebenzi wakhe awayewenza apho athi wafika wakhula ngokukhula eWSU, kuba zazininzi nezinto ababezihlohlwa kulithuba lokuba azikhethele.

Uthi udongo olu lusetyenziswa ngamakhwenkwe esamancinci emlanjeni lulo olumbeke endaweni namhlanje. Lo kaMbunyuza thi ukusebenza ngokuzinikela kuko okumkhulisayo kumsebenzi wakhe wokuzoba. UMbunyuza uthi kunyaka wakhe wokugqibela eWSU zange agoduke wayeshiyeke kwisiStudiyo saseWSU ezenzela iivazi zakhe zokuhombisa.

Uthi ubugcisa yinto engaphakathi emntwini iyafana nengxenye yempilo yakho uthi ngohlobo ababona ngalo bengabazobi lunomahluko kubo. Umthi eniwujonge nomntu ongengomzobi umahluko ukhona wena ubona umsebenzi yena umntu obona umthi. UMbunyaza uthi ukuqeshwa ngumntu yinto angazange wayicinga esaqala ukusebenza ngodongo.

Uthi usebenzela kowabo egaraji nalapho athi usazama ukukhulisa nangakumbi igama lakhe kumsebenzi wakhe. “Andifuni kuqala ngokuphuma ndiyohlawula kwiiGalaxy ndisafuna ukhula ndikhulise igama lam ngokomsebenzi wam. Kamnandi apha eNtshona Koloni inkxaso iyafumaneka akunzimanga kuba baninzi abantu abasuka kumazwe angaphesheya kwaye ababuxabisileyo uubugcisa abangenayo ingxaki yokukhupha imali.”

Kwinyanga ephelileyo uMbunyuza uhleli iveki ezine kwilizwe laseFrance eyokubonisa ngomsebenzi wakhe. Uthi ubuye encumile kuba umsebenzi wakhe ubunconywa kunjalo nje uthengwa kuba unomahluko njengoko unesingqi saseAfrika.