Ufunwa ngapha nangapha ochithwe yiPirates!

UPatrick Phungwayo ukhangela iqela elitsha emva kokukhululwa yi-Orlando Pirates izolo. Umfanekiso: Backpage Pix

Obefudula edlala kwi-Orlando Pirates ufunwa ngamaqela aliqela emva kokuqhawulwa kwesivumelwano sakhe sengqesho. Ekuqaleni kwale veki iPirates ibhengeze ukuba yohlukene noPatrick Phungwayo emva kokuqhawulwa kwesivumelwano sakhe sengqesho. UPhungwayo, 29, ukhululekile ukuba azibandakanye nokuba leliphina iqela phambi kokuvalwa kwenyoba yokutyikitywa kwabadlali (kwiPSL) namhlanje. Lo mdlali waya kwiBucs esuka kwiBidvest Wits kwisithuba seminyaka emihlanu edlulileyo.

“Isivumelwano sokohlukana phakathi kweqela noPatrick Phungwa kufikelelwe kuso ngesihle kwintlanganiso ebikhona. Sinqwenelela lo mdlali okuhle kodwa emva kokusebenzela thina ukusukela ngo’2012,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiPirates aph’evekini.

Nangona kwakulindeleke okokuba uPhungwayo agqame ekufikeni kwakhe kwiPirates – kodwa inkqubela yakhe yakhonkxwa kukumane esonzakala nokhuphiswano olukhoyo kwiPirates. Ngamashumi amahlanu anesithandathu (56) iyonke imidlalo ayidlalileyo kwiPirates ukusukela ngo’2012 – kodwa kwisizini ephelileyo ukwazile ukudlala imidlalo esondeleyo kumashumi amabini nangona ebekhuphisana namaxhwangusha afana noThabo Matlaba noMarc van Heerden.

Uhlengahlengiso olwenziwa kwiPirates luza emva kokuba ivale isizini ka’2016/17 ikwindawo yeshumi elinanye futhi ingacholanga naphantsi kwiindebe ezidlalelweyo. Ukuhamba kukaPhungwayo kuze emva kokuhamba kuka-Oupa Manyisa othathwe yiMamelodi Sundowns phambi kokuqala kwale sizini iqhubayo. Iingxelo zithi uPhungwayo ufunwa yiSuperSport United neFree State Stars eqeqeshwa nguLuc Eymael. Ikamva lalo mdlali kulindeleke licace phambi kokuphela kosuku lwanamhlanje.