Sibethe iSekhukhune ebiyingozi emdlalweni, utshilo uRulani Mokwena!

Ngokufumana kwayo amanqaku amathathu iMamelodi Sundowns kule veki, isondele kakhulu ekuqinisekiseni ukuba iza kuphakamisa indebe yeDStv Premiership okwesixhenxe. Oku kwenzeke emva kokuba iDowns ibethe iSekhukhune United ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eLoftus Stadium ngoLwesibini wale veki. Ngenxa yokudinwa kwabadlali abadlale neqela laseTunisia, iEsperance, emdlalweni weCAF Champions – uRulani Mokwena udlalise abadlali abaninzi abangaqhelanga ukudlala.

Ngethamsanqa lakhe bakwazile ukwenza umsebenzi obufuneka kubo noxa bekunzima emdlalweni. Okuye kwayinceda iSundowns kukuba ifake amagowuli wayo emizuzwini yokuqala esixhenxe kwisigaba sokuqala somdlalo. Uxinizelelo luye lasemagxeni abadlali beSekhukhune abaziphoxe ngokwenza iimpazamo ezimbi umdlalo usaqala. Izamile ukudlala kakuhle nokulungisa iimpazamo kwisigaba sesibini yade yafumana igowuli lokubika ekhaya ngepenela. Kodwa ngelishwa layo, ayikwazanga ukufumana amanye.

Ethetha neentatheli emva komdlalo, uRulani uyichaze njengommangaliso impumelelo efunyenwe liqela lakhe ngoba khange liphumle emva kokufika ekhaya ngoMvulo. “Into esiyenze namhlanje ayikho ngaphantsi kommangaliso. Sikwazile ukuphumelela ngenxa yabadlali ababonakalise ukomelela kwabo ngokwasengqondweni. Emva komdlalo ofana nalowa weSwallows, uphinde wehlelwe yinto efanayo, bekungenzeka soyisakale ngoba abadlali babuya eTunisia,” utshilo uMokwena. Kuye kwanyanzeleka ukuba abaphumze abanye abadlali ngenxa yomdlalo ongomso ePitoli.

“Ndiyazingca ngomsebenzi owenziwe ngabadlali emdlalweni wanamhlanje. Into endiyithandileyo kukuba babonisile ukuba banawo amandla emva kokuhama uhambo olude oluthathe iiyure ezilishumi elinanye. Sihlasele kakuhle emdlalweni – kodwa abadlali bethu bebesenza into efunekayo ngelo xesha ngoba bekubalulekile ukuwulawula umdlalo. Kuhle ngoba bonke abadlali basebenze ngokuzimisela,” utshilo uRulani Mokwena okhe wanyanzeleka akhalimele abalandeli beSundowns abanyhukutyhe uBrian Onyango emva kokuba enze impazamo emdlalweni. Ngoku iSundowns iza kulwela ukubetha iEsperance ephumelele ngo’1-0 emdlalweni obuseTunisia.