UTinkler uthi uyalazi izembe lingamfikela ekuhambeni kwexesha!

Umqeqeshi weCape Town City, uEric Tinkler, uphantsi koxinizelelo emva kokungaqhubi kakuhle kweqela lakhe – kodwa uthi akazikhathazi ngento engaphaya kolawulo lwakhe. Lo mqeqeshi ukuthethe oku emva kokuba iCape Town City ibethwe yi’Orlando Pirates ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eCape Town Stadium izolo.

Emva komdlalo wayizolo, imidlalo engaphunyelelwanga yiCity ilishumi elinanye. Ihleli kwindawo yesixhenxe emva kokuqokelela amanqaku angamashumi amathathu anesihlanu emidlalweni engamashumi amabini anesithandathu.

ICape Town City yazenzela igama njengeqela elisoloko livala isizini liphakathi kwamaqela amane aphambili kwiDStv Premiership. Kukhangeleka ngathi kuza kuba nzima kule isizini ngenxa yokungaqhubi kakuhle kwayo. Nangona kukho okokugqwidiza kuyo – kodwa inalo ithuba lokufumana indawo kwiTop 8 ukuba ingafumana iziphumo ezihle emidlalweni emine eshiyekileyo kule sizini.

Ephendula umbuzo weentatheli izolo, uTinkler uvumile ukuba ukhe wathetha nomphathi wakhe malunga nomsebenzi wakhe – kodwa wathi akafuni ukucinga ngento angenalo olawulo lwayo. “Sekulithuba sincokola ngalo nto. Ayisinto esithethe ngayo kwiveki ephelileyo, yinto yeveki engaphaya kwephelileyo,” utshilo uTinkler, obephoxekile emva kokubethwa kweqela lakhe yiPirates etshayela kwanto eshukumayo ephambi kwayo.

“Into endizikhathaza ngayo mna yinto endikwaziyo ukuyilawula. Okwangoku ndingumqeqeshi, ndizimisele ukwenza umsebenzi wam ngendlela elindelekileyo. Eyona nto embi ngokuba ngumqeqeshi, xa iziphumo ezihle zinqabile, kugxekwa yena. Akukho mntu okhe agxeke abadlali, yonke into ibekwa emagxeni womqeqeshi.

“Izembe lihleli liza kufika ekuhambeni kwexesha. Andisazidubi ngalo mna,” utshilo uTinkler. Nakubeni izinto zingahambi kakuhle iCape Town City, lisekhona ithuba lokuqokelela amanqaku. Phakathi kwamaqela eseza kudibana nawo iCity kukho iMoroka Swallows neRichards Bay.

Omabini la maqela alwela ukuphepha izembe, ngakumbi iRichards Bay ekwindawo yeshumi elinesihlanu kwiDStv Premiership. Ngethamsanqa lawo, omabini ayiphumelele imidlalo yale veki. Aza kudibana neCity efuna into enye jwi, impumelelo ukuze aqinisekise ukuba ayahlala kwinqanaba eliphezulu lebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika.