Uqhankqalazo lweeteksi lunqunyanyisiwe, kodwa kusekude engqinibeni

Oonoteksi abavale indlela kwisitalato iBuffalo eMonti. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Kuthe ham kubakhweli, oosomashishini, iinkampani nabo bonke abathe bachaphazeleka kuqhankqalazo lweeteksi obelubanjwe ngoLwesine kwiphondo leMpuma Koloni emva kokunqunyanyiswa koqhankqalazo lweeteksi. Olu qhankqalazo lubangelwe kukungahlawulwa kwabaqhubi bezithuthi zabafundi, abagqibe kwelokuba bathathele ezandleni zabo lo mba nangona iSebe lezoThutho eMpuma Koloni libalumkisile ngokungekho mthethweni kolu qhankqalazo.

Emva kwendibano ebibanjwe eSterling eMonti ukusukela ngentsimbi yesibini emveni kwemini namhlanje uLwesine, nebibanjwe ziintloko zemibutho yezithuthi oonoteksi kwakunye neSebe lezoThutho apha ePhondweni, kufikelelwe kwisivumelwano sokuba kuphangelwe ngabasebenzi ngoLwesihlanu, umhla we3 kaMeyi.

Ingxelo ithi, kufikelelwe ekubeni olu qhankqalazo lweeteksi lunqunyanyiswe batsho bakwazi ukuphangela ngaphandle kophazamiseko abasebenzi.

Ezingazukusebenza iiteksi zezi zithutha abantwana ezikolweni. Ingxelo ithi zona zakuqalisa ukusebenza kwiveki ezayo neyizakube ileli xesha iSebe kwakunye nemibutho zivumelene ngalo.

Abantwana abasebenzisa izithuthi zabafundi abazukwazi ukuya ezikolweni zabo ngomso njengoko zingazokusebenza izithuthi zabo.

Uqhankqalazo lweeteksi

Ngentsasa yangoLwesine oonoteksi bavale iindlela kwiindawo ezithile eMpuma Koloni nanjengoko bethembise ngogwayimbo emva kokuba iSebe lisilele ukubhatala abaqhubi bezithuthi zabafundi.

NgoLwesithathu iSebe lilumkise abaqhubi beeteksi ngokungekho mthethweni kolu qhankqalazo. Isithethi seli Sebe u-Unathi Binqose uthe iSebe lithatha uxanduva lokungahlawulwa kwabaqhubi bezothutho zabafundi.

“Nangona kunjalo, urhulumente wePhondo kwakunye neSebe bayabacenga abo baxhasa olu qhankqalazo lweeteksi.

“Khumbula ukuba izenzo zabo ziya kuba neziphumo ezibi, aziyi kuchaphazela kuphela umsebenzi weenkampani ezininzi ezisebenza ngaphakathi kweli phondo, kodwa ziya kuchaphazela nomsebenzi karhulumente. Iyakuchaphazela nabantu abadala xa bephuma ngobuninzi ukuya kukhupha iinkamnkam zabo.

“Oku kuyakuchaphazela noogxa babo abangoonoteksi uninzi lwabo abangabandakanyekanga kuthutho lwabafundi nabaxhomekeke ekuthuthweni kwabantu ukuze babeke ukutya etafileni,” utshilo uBinqose.

ISebe lithembisa ukuhlawula iintlawulo

ISebe lithe kwingxelo intlawulo elandelayo engaphaya kwezigidi ezihlanu zeerandi (R5,9 million) imiselwe uLwesihlanu wale veki – abaqhubi bazakufumana intlawulo ngoLwesithathu, umhla wesibhozo (8) kuMeyi. Intlawulo elandelayo icwangciselwe ngoLwesithathu, umhla we15 kuMeyi ukuze kuhlawulwe iintlawulo ebezingenziwanga ukususela kuJanuwari ukuza kuthi ga ngoku.

Iingxaki zentlawulo

Ebutsheni balo nyaka, sibhale inqaku malunga nabafundi abahamba imigama emide besiya esikolweni ngenxa yokungakwazi ukufikelela kwizithuthi zabafundi ngenxa yokungahlawulwa kwabaqhubi.

Kunyaka ophelileyo iSebe lafunga ukuba liya kuhlawula iintlawulo ezingekahlawulwa zabasebenzi bothutho lwabafundi.

“Bayaxoka abo bantu bathi imali ihlawulwe liSebe lezoThutho, minyaka le sidibana nale ngxaki yemali engahlawulwayo, kube lusizi kuthi nabantwana esibathuthayo,” watsho umnikazi wenqwelo.

Woleka wathi banyanzeleka ukuba bathathe izigqibo abangazithandiyo ngenxa yemeko ebuhlungu. “Singabazali nathi sinabo abantwana, kubuhlungu ukujika umntwana ofuna ukuya esikolweni umothule emotweni kuba engekho kuluhlu lwabantwana abazakukhwela emotweni,” watsho.

Kukho uluhlu lwamagama abantwana abahlawulelweyo liSebe elithi linikwe abanikazi beenqwelo zokuthutha. “Umntwana ongekhoyo kolu luhlu uxhomekeka kumzali wakhe ukuba amhlawulele, okanye ahambe ngeenyawo ukuya esikolweni, mide ke imigama, owona umncinci ziikhilomitha ezine ezihanjwa ngaba bantwana, lusizi olu,” kutsho umnikazi wenqwelo.

Iimpembelelo zoqhankqalazo lweeteksi

Umkhweli ocele ukuba igama lakhe lingachazwa uthethe neli phephandaba, uthi uqhankqalazo loonoteksi lumchaphazele kakubi njengomntu osebenzayo noxhomekeke kwiiteksi xa esiya emsebenzini.

“Siyasokola, sifuna ukusebenza. Ndihlala eMdantsane ndisebenza edolophini eMonti, besimane sisenza ucumbhelele sikhwela sisehla endleleni yethu egodukayo.

“Kukwayingozi naxa silahlwa kwiindawo esingaziqhelanga kuba ulwaphulo-mthetho luphezulu, kwaye oonqevu bangasebenzisa eli thuba logwayimbo ukophula umthetho.

“KukwaFaro nakwezi ndawo sisebenza kuzo ngoba abelungu abakhathali nokuba ufike njani emsebenzini, wagoduka njani kolu qhankqalazo lweeteksi, khange batsho nokuba masihlale ekhaya okoLwesihlanu,” utshilo.

Ibhunga leeteksi eMzantsi Afrika (SANTACO) eMpuma Koloni lizikhwebule kuqhankqalazo lweeteksi.

“I-SANTACO ayisayi kuthabatha inxaxheba kukuvalwa kunye nokuthintelwa kokuhamba kwiindawo ezithile zeMpuma Koloni,” utshilo uSihlalo walo mbutho uBishop Yolelo.

Uqhube wathi, “Sixhalabile ngenxa yokungahlawulwa kwababoneleli ngeenkonzo zothutho lwabafundi kwaye lo mba uyahoywa. Sizibophelele ekuqinisekiseni ukhuseleko lwabo bonke abakhweli abanqwenela ukusebenzisa iinkonzo zethu ngoncedo lwamagosa omthetho,” utshilo uYolelo.