Lusizi imeko yabantwana besikolo eMpuma Koloni

Abantwana besikolo besiya esikolweni. UMFANEKISO: Mkhuseli Sizani

Ekupheleni konyaka ophelileyo, isebe lezothutho likhuphe ingxelo lisithi bahlawule iinqwelo ezithutha abantwana besikolo kweli phondo. Ngokwengxelo oku ibe lilinge lokulungiselela ukuba abantwana baqale inkqubo yokufunda nokufundisa ngaphandle kwengxaki. Kodwa lusizi imeko yabantwana abahla benyuka kwiindlela eziphambili zeliphondo besiya ezikolweni behamba ngeenyawo ngenxa yokungabikho kwezithuthi.

Uhola wendlela uR410 ohamba phakathi kwedolophu yaseCacadu naseKomani uhonjiswe ngabantwana besikolo abadinga indlela yokuhamba ukuya esikolweni.

Oku kuphazamisa inkqubo yokufunda nokufundisa logama kukwabeka uxinzelelo kubazali nootishala babantwana. Ingxelo ekhutshwe ngabanikazi bezithuthi ezithutha abantwana ithi isebe lezothutho aliyihlawulanga ngokufanelekileyo imali yokuhambisa abantwana ezikolweni.

Ukufundiswa kwabantwana ngokukuko kumanqanaba aphantsi kubangela iziphumo ezihle kwibanga leshumi. Iziphumo zebanga leshumi zixhomekeke ngokumandla kwindlela yokufunda eqhubeka ngaphandle kwengxaki unyaka uqala.

Abantwana abadinga iinqwelo zokuya ezikolweni ngabo abazakuba befunda ibanga leshumi kwiminyaka ezayo. Oku kuphungula isidima, ukuzingca nokuzithemba kwaba bantwana. Uninzi labantwana abadinga iinqwelo zokuya esikolweni baphuma kumakhaya ahluphekayo, axhomekeke kwizibonelelo zikarhulumente.

Bafika ezikolweni bediniwe belambile kuba akukho kutya kwamanye amakhaya abaphuma kuwo. Omnye wabanikazi beenqwelo ezithutha abantwana uncokole neSolezwe ngalemeko.

“Bayaxoka abo bantu bathi imali ihlawulwe lisebe lezothutho, minyaka le sidibana nale ngxaki yemali engahlawulwayo, kube lusizi kuthi nabantwana esibathuthayo,” utshilo umnikazi wenqwelo.

Uhambisa athi banyanzeleka ukuba bathathe izigqibo abangazithandiyo ngenxa yemeko ebuhlungu. “Singabazali nathi sinabo abantwana, kubuhlungu ukujika umntwana ofuna ukuya esikolweni umothule emotweni kuba engekho kuluhlu lwabantwana abazakukhwela emotweni,” uhambisa atsho.

Kukho uluhlu lwamagama abantwana abahlawulelweyo lisebe elithi linikwe abanikazi beenqwelo zokuthutha. “Umntwana ongekhoyo kolu luhlu uxhomekeka kumzali wakhe ukuba amhlawulele, okanye ahambe ngeenyawo ukuya esikolweni, mide ke imigama, owona umncinci ziikhilomitha ezine ezihanjwa ngaba bantwana, lusizi olu,” kutsho umnikazi wenqwelo.