Kubanjwe amadoda amabini, kwafunyanwa iigusha eziyi-42 ezibiweyo!

Kubanjwe abarhanelwa ababini nabatyholwa ngokuba imfuyo, kwaze kwafunyanwa iigusha eziyi-42 ezibiweyo ngempelaveki kuTsolo.

Oku kulandela emva kokuba amapolisa ethe alandela umkhondo abawufumeneyo kwiinzame zawo zokwehlisa izinga lokwebiwa kwemfuyo, nokuzisa phambi komthetho abenzi boku.

Amapolisa athe alandela umkhondo ngokweenkcukacha athe azifumana, nalapho eye asingisa kwifama yaseNtibane. Ukanti amapolisa afumene iigusha eziyi-42, kwezo ziyi-49 bezibiwe. Ezi gusha nezixabiso layo liyi-R84 000, zithe zanikwa umnini wazo, nobenovuyo kukufumaneka kweegusha zakhe.

Kuye kwabanjwa abarhanelwa ababini nabaneminyaka eyi-41, kwindawo yaseMatyeba ngoLwesihlanu nangoMgqibelo.

Bobabini aba abarhanelwa babekwe ityala lokuba imfuyo, kwaye baza kuvela enkundleni ngomso umhla we-23 kule nyanga, kwinkundla yamatyala kuTsolo.

UMkomishinala wamaPolisa wesithili saseOR Tambo, uMajor General Phumzile Cetyane, uqhwabele izandla amapolisa nabahlali ngeenkcukacha ezibalulekileyo abathe babelana ngazo.

Ukwakhuthaze abahlali ukuba baqhube nokuzisa ngaphambili iinkcukacha ezinokukhokelela ekubanjweni kwabo benza oku, nasekulweni olu lwaphulomthetho ekuhlaleni.